Lucela uncedo usapho lwenzwakazi eswelekele eNigeria, nalapho ibityelele isinqandamathe sayo.
Usapho lukaVale eRamochana, ngaseRustenburg, luphatheke kabuhlungu ngokusweleka kwentombi yalo uPrimrose Happy Vale (29), oswelekele eNigeria, emva kokuhlaselwa yiMalaria.
Othethela usapho uthe, le nzwakazi, ingumama womntwana ongumfana, noneminyaka elishumi ubudala, ibisele ihlala eKapa ngenxa yomsebenzi.
Utata wongasekhoyo, uOrlando Vale, uthe uRose ubetyelele eNigeria ukuyokonwabela usuku lwakhe lokuzalwa.
“Ebenze izicwangciso zokonwabela usuku lwakhe lokuzalwa nabahlobo bakhe,” utshilo utata wakhe.
Uthe uRose uye wabazisa akufika kwakhe. Ukanti ngomhla ka28 Disemba 2024, kwaziswa ngokusweleka kwakhe.
Ngokweevidiyo ebezifakwe nguPrimrose kumakhasi onxibelelwano ngohambo lwakhe lwaseNigeria, ebebonakala onwabile, ehamba iindawo zolonwabo, ejuxuza kumnandi.
Usapho lwakhe kungoku nje lucela uncedo lwemali ukuze lubuyise umzimba wentombi yalo eMzantsi Afrika. Ngokweenkampani zabangcwabi eNigeria, kuchazwe ukuba iindleko zokwenza lowo msebenzi zingayiR90 000.
Utata kaRose ukucacisile ukuba yena nomama kaRose barhola indodla, kwaye abakwazi ukuhlawula le mali. Ucela uncedo lokubuyisa umzimba ekhaya ukuze bawungcwabe.
Ubhuti kaRose, uValito Vale, uthe sele beqhakamshelene neofisi yezozakuzo kwaye balindele impendulo.
Eli bali liqale lavela kwi-Isolezwe.
Useziseleni uGogo Maweni!