LIFIKELELE kuvuth’ ondaba ugqatso lokutyumba uMkhuseli Woluntu ozakungena ezihlangwini zikaThuli Madonsela.
Lishumi elinesine kuphela elizakugqithela kwinqanaba elilandelayo lodliwano-ndlebe namalungu ePalamente akwikomiti echophele ukuchongwa koMkhuseli Woluntu. Kweli nani isibhozo ngabasetyhini, ngelixa isithandathu ingamadoda.
Phakathi kwabo ziijaji zenkundla ephakamileyo ezimbini uSeraj Desai ekwinkundla ephakamileyo yeNtshona Koloni, kwakunye nojaji Sherise Weiner okwinkundla ephakamileyo kuMazantsi eRhawuti.
Amanye amagama awaziwayo lelika Sekela Mkhuseli Woluntu uKevin Malunga, kwakunye noMamunki Shai, owayenguSekela Mkhuseli Woluntu de kwaphela ixesha leminyaka esixhenxe ekwesi sikhundla. Omnye wabo bakolu luhlu nguWillie Hofmeyr ongusekela ntloko kwiGunyabantu leZotshutshiso kweli. Kwikhasi likaFacebook, uHofmeyr wenze umbulelo kwabo bamnike inkxaso, esithi uyaqala ukwenza amalungiselelo esicelo somsebenzi.
Sekukho ukungaboni ngasonye phakathi kwala malungu. Amalungu eDA kule komiti atyhole awe-ANC ngokunyanzelisa amagama athile kolu luhlu. IDA ivakalise ukuchasa ujaji Desai ngelithi, wabonakalisa ukuba nedolo emva kokukhaba isicelo salo mbutho ngethuba ufuna kunganikezelwa pasile zokutya ngexesha kukhankaselwa unyulo.
Esinye sesikhalazo salo mbutho lixesha elibe lincinci lokuqaphela izimvo zoluntu.
Udliwano-ndlebe luzakuqala ngomhla weshumi ka-Agasti.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?