Lulwaphulo mthetho ukonakalisa iziseko

Kucelwa abantu basekuhlaleni ukuba bancedise urhulumente ukuze kubanjwe kuvalelwe abo bathe gqolo ukutshabalalisa iziseko zentlalo eziquka iintambo zombane, izikolo, iikliniki nemibhobho yamanzi.

Oku kuhambelana nomthetho obizwa ngokuba yi Criminal Matters Amendment Act oqale ukusebenza ngomhla wokuqala kule nyanga kaJuni walo nyaka.

Ngokwalo mthetho lulwaphulo mthetho ukutshiswa kwenzakaliswe izinto ezisisiseko sentlalo, kwaye bazakutshutshiswa abo bachaphazeleka kwezi zenzo.

Bonke aba batyholwa okanye bachaphazeleka ekwenzakaliseni izinto ezisisiseko sentlalo bazakugagana nezigwebo ezicacileyo ukuze batshutshiswe.

Oku kusemva kokukhula kweziganeko zokwenzakaliswa kwezakhiwo zikarhulumente eziquka izikolo, ikliniki, indlela nezinye ezibalulekileyo entlalweni.

Othethe gameni lesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko uMthunzi Mhaga ngaphandle kwelahleko engokwezimali oku kukwabeka ubomi babantu esichengeni.

“Kufuneka iqwalaselwe into yokuba olu hlobo lamatyala lubangela ilahleko yobomi babantu, kunye nemisebenzi kwabanye abantu kwiindawo ezithile zelizwe,” utshilo uMhaga.

Lo mthetho utyikitywe ngokusemthethweni nguMongameli weli uJacob Zuma kwinyanga kaDisemba wonyaka ophelileyo.

UMhaga umemelela uluntu neenkampani zabucala ukuba zincedise amagosa omthetho ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabo bophula lo mthetho.

Ukwaxhobisa abezomthetho ukuba babengqingqwa kwimicimbi yebheyile nezigwebo eziqatha ngakubatyholwa. Ngokwalo mthetho amapolisa nabatshutshisi abasenalo igunya lokunika ibheyile abantu abatyholwa ngokwaphula lo mthetho wokutshisa izinto ezisiseko.

Ofunyenwe enetyala ngokwalo mthetho uzakugwetywa iminyaka engamashumi amathathu eluvalelweni.

Ukanti abo bophula lo mthetho bekwozoshishino bayakunyanzeleka ukuba bahlawule umdliwo wekhulu lezigidi zeerandi.

Umphathiswa wesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqosiseko uMichael Masutha uthi lo mthetho uzakubuyisa ithemba labatyali zimali.

“Uluntu kunye neenkampani zabucala azinakukwazi ukunxibelelana ngokupheleleyo ukuba iintambo zakwa- Telkom ziyaqhubeka zibiwa. Le meko ibangele ukuba kubekho ungenelelo ngokusemthethweni,”uthethe watsho uMasutha.

Ingxelo ithi ilizwe loMzantsi Afrika lilahlekelwa zibhiliyoni ezintlanu ukuya kwezisixhenxe ngonyaka ngamnye ngenxa yokonakaliswa kweziseko zentlalo.

isibhalo@inl.co.za