Lulwimi lwenkobe isisombululo kwimfundo yabantsundu

Umphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula kumawonga ootitshala eOsner Hotel eMonti. Umfanekiso: Unathi Kondile

Utshintsho yinto engaqhelekanga, nekunzima ukuyamkela. Isebe lemfundo esisiseko kwelo Mzantsi Afrika linomceli mngeni wokuguqula imfundo kumabanga aphantsi, ngokuthi landise izifundo ngolwimi lwenkobe.

Eli phulo linomceli mngeni wabantu abalibona njengelitsalela emva, njengoko ihlabathi lisiba yindawo ebumbeneyo ngokwentsebenziswano. 

Umphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uMandla makupula udize ukuba eli sebe likwiphulo lokunabisa inkqubo yokufundisa ngolwimi lwenkobe kwizikolo ezingamakhulu amabini anamashumi amathathu kweli phondo.

UMakupula uthe eli phulo linwenwela kwizikolo ezikwizithili ezilishumi, kwezo zingamashumi amabini
anesithathu emva kokumiliselwa eCofimvaba. “Sizakuqinisekisa
ukuba kukho utitshala ojongene nokumiliselwa kwale nkqubo kwisikolo ngasinye khon’ ukuze ibe iyalandelwa,” utshilo uMakupula.

Udize ukuba kukho abayijongele phantsi le
nkqubo, “Kuba sasiphantsi kwamaNgesi ngethuba lobukoloniyali kwasicinezela oko, kuba
ngoku sicinga ukuba yonke into ebalulekileyo kufanele ukuba yenziwe ngesiNgesi. 

Ndityelele kumazwe afana neTshayina, iJamani neFrance, ndandibana nooNjingalwazi bala mazwe. Xa ndithetha nabo ngesiNgesi bayanqwala, ukubonakalisa ukuba bayandiva, kodwa  xa bendiphendula bathetha ulwimi lwabo lwenkobe,” woleke ngelo okaMakupula.

Ukwathe abafundi abamnyama banomceli mngeni wolwimi, ngakumba ngexesha leemviwo. “Xa umfundi efumene imibuzo ngesiNgesi into aqala ayenze kukuguqulela lanto isephepheni esiXhoseni, emva koko aziphendule ngesiXhosa phambi kokuba ayibhale phantsi ngesiNgesi,” uqhube watsho uMakupula.

Ukwathe uvavanyo ngale nkqubo eliqhutywe leli sebe eCofimvaba liyimpumelelo. Abafundi banikwa iphepha lemibuzo ngesiNgesi nangesiXhosa. UMakupula uthe oku kubenza bangasokoli kangako ukufumana iimpendulo.

Ukwadize nokuba ngootitshala bebakala lika Grade R abayi-991 abazakuba sezikolweni kunyaka ozayo, nto leyo ayichaze njengeyokuqala ezimbalini zesebe lemfundo kweli phondo.

Isebe lezemfundo kweli phondo belisingathe amawonga ootitshala abathe bagqama kumagumbi okufundisa kunyaka ophelileyo. Isithethi seli sebe uMali Mtima uthe, “Injongo yethu kukuwonga abo benze okuncomekayo ezikolweni, nokukhuthaza nabanye ukuba bazeke mzekweni.” Ukwathe eli sebe lifuna ukunciphisa inani lootitshala abashiyayo kwezemfundo, bakhangele kweminye imisebenzi.

 

Igqala letitshala uThandi August nokhuphe oosaziwayo kwezopolitiko abaquka lo kaMakupula uzuze iwonga le Lifetime Achievement, ngegalelo lakhe kwezemfundo.