Lumile ushishino kwidolophu yaseNgcobo

Umfanekiso: I' solezwe

Lisame ngxi ushishino kwidolophu yaseNgcobo emva koqhankqalazo elikhokelwe yimibutho yasekuhlaleni eliqale izolo.


Olu qhankqalazo liququzelelwa yimibutho efana neSANCO yaseNgcobo, iNgcobo Black Business Forum, imibutho emele abathengisa ezitalatweni neyonooteksi. Le mibutho ithi yonele bubuqhetseba nobuqhophololo obuqhubeka kulo masipala, ukungalandelwa kweenkqubo zezinikimaxabiso, nokuqeshana ngokwazana, kwaye bafuna lo masipala ufakwe phantsi kolawulo likarhulumente. Bakwafuna ukuba usodolophu waseNgcobo uLizeka Bongo-Tyali kwakunye negqiza elikwikomiti kasodolophu bashiye. Bafunge ngelithi akukho nanye indawo yoshishino eza
kuvulwa de inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle aphumeze iziphakamiso zabo. 

Izolo le mibutho iphawule ngelivakalisa izinto enganelisekiyo zizo. INgcobo Business Forum ithi iithenda zifunyanwa ziinkampani ezithile nokuba azikho kuluhlu lweenkampani ezibhaliselwe izinikimaxabiso kulo masipala. Ikwatyhole ngelithi iinkampani eziphumeleleyo kwizinikimaxabiso zihlawulwa imali ephindaphindeneyo kunaleyo ilixabiso elililo nelikwisivumelwano.

USANCO yena ukhala ngokungahambi kweenkonzo zamanzi nokwakhiwa kwezindlu.

UMasualle ugalelekile ngelizokumamela ezo zikhalazo.