Lumkela amapolisa omgunyathi alambele imali yakho!

Isebe lokulwa ubuqhophololo ephondweni lilumkisa abantu ukuba balumkele abakhohlisi abasebenzisa igama leli candelo kunye namagama amapolisa obuxoki ukuze bafumane imali yabo ngokungekho mthethweni.

Ingxelo yesithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu ithi, eli candelo lifumene malunga nezikhalazo ezibini kule veki kubantu abatyhola ‘ipolisa’ eliphuma kweli candelo likhethekileyo ngokubafowunela libaxelela ukuba bangabarhanelwa kumatyala abaxakene nawo.

Ingxelo ithi eli polisa lomgunyathi kuthiwa lifowuna liyalela amaxhoba ukuba mabahlawule imali yokuvala ityala okanye licele amaxhoba ukuba afake imali yebheyile. Lowo ufowunayo ukwathumela ifoto yepolisa elingenalo nofifi okanye ulwazi ngesicelo esinjalo.

Abo bafowunelwayo ngabantu abamsulwa abangadweliswanga njengabarhanelwa kuwo nawaphi na amatyala aphantsi kophando lweli candelo, itsho ingxelo yamapolisa.

Amapolisa alumkisa abantu ukuba akukho polisa, kuquka namagosa aphandayo, anokuze acele imali ebantwini ukuze avale amatyala aphantsi kophando.

Ukuba umnxeba ololu hlobo ufunyenwe, uluntu luyacelwa ukuba lunxibelelana necandelo elichaphazelekayo okanye isikhululo samapolisa phambi kokuba luphakuzele luthumele imali kwaba bakhohlisi.

Abantu bayalunyukiswa ukuba bangaze bamkele naziphi na iinombolo ezinikezwa ngaba bakhohlisi bebayalela ukuba babuyise umnxeba wabo.