IIBLESSERS zandisa ukwanda kwesifo ugawulayo eMnzantsi Afrika ngokuthi zisulele abantwana abangamantombazana abancinci ngesi sifo.
Oku kuthethwe nguGqirha Nono Simelela ongumcebisi ngesifo ugawulayo kwi-ofisi kamongameli Jacob Zuma.
Lo gqirha uthi ilizwe loMzantsi Afrika linoxanduva lokuqinisekisa ukuba liyaphunguka inani labantu ababhuqwa sesi sifo kweli lizwe. “Abantwana abangamantombazana abaminyaka iphakathi kweshumi elinesibhozo ukuya kumashumi amabini anesihlanu bosulelwa lula sesi sifo ngenxa yamadoda amadala abaqhatha ngezinto ezibonakalayo,”uthethe watsho uSimelela. Uthi abanye kula mantombazana angena emitshatweni sele enkone aze osulele oogxa babo abadibene nabo emitshatweni. Lo ka- Simelela wenze le ntetho eyandulela inkomfa yesifo ugawulayo ebanjelwe eThekwini kule veki.
“Le nkomfa iza eMzantsi Afrika sililizwe elahlukileyo kunelo besililo ngonyaka ka2000 ngoku bekubanjwe le nkomfa apha, ngoko besingenaye nomnye umntu ofumana amachiza okuthomalalisa esi sifo, abantu bebhuqwa sisifo bengenamthetheleli,” uchaze oko uSimelela. Uhambisa athi, amadoda amadala aqhayisa ngezinto anazo ajike alutsha kwisizwe ngokubanzi ngokuqhubeka ebulala abantwana abangamantombazana ngesi sifo.”Babaqhatha ngokubathengela izinto ezifana neefoni, impahla nokutya kwamaxabiso, lo nto iwasusa koontanga bawo la mantombazana bazibhakaxe kumadoda amadala,”utshilo uSimelela. Le nkomfa yesifo ugawulayo kulindeleke ukuba ikhangele amacebo okubhekisa ihlabathi phambili kwiinzame zokulwa esi sifo sibhuqa ihlabathi.
“SinguMzantsi Afrika siyazidla ngendima yethu esele siyidlalile ukulwa esi sifo kuba ngo-2000 bebengekho abantu abafumana unyango, kodwa ngoku sinabantu abaphaya kwizigidi ezithathu abafumana amachiza okuthomalalisa esi sifo, siyazidla ngalo msebenzi,” utsho uSimelela.
Le ntetho ingqinelana twatse nentetho yeNkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle esithi amadoda amadala aneepokotho amfimfitha iintsana ezosulela ngogawulayo.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023