‘Lumkelani urhwebo nelizwe laseChina’

UNjingalwazi Patrick Loch Otieno Lumumba waseKenya egaleleka eWalter Sisulu University eMthatha ukuza kuwisa intetho engesifundo ngoNelson MandelaUmfanekiso: Phando Jikelo/African News Agency/ANA

INGQONDI nencutshe kwezomthetho yelizwe laseKenya uNjingalwazi Patrick Lumumba, uyitsho yahlokoma indlu ngethuba elumkisa eli loMzantsi Afrika kurhwebo lwalo namazwe angaphandle.

ULumumba ulityityimbisele umnwe eli ngethuba enikezela isifundo ngobomi balowo ungasekhoyo nowayenguMongameli wokuqala wentando yesininzi kweli loMzantsi Afrika uNelson Mandela, kwiholo leYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha ngoLwesibini.

Lo makhwekhwetha ulumkise ngelithi ilizwe loMzantsi Afrika maliqaphele kurhwebo lwalo nelizwe laseChina.

ULumumba uthe ukholelwa ukuba uMandela ebesaphila, ngeyalela ukuba lichule ukunyathela eli lizwe kubudlelwane balo bezorhwebo namanye amazwe, ingakumbi iChina.

Le njingalwazi ithe ukuba uMadiba ebekhona ebeza kuthi “Andithi sanukurhweba namaTshayina. Kodwa qaphelani kuba zonke ezi ntlanga zangena kweli ngezorhwebo, ze zasigqebha elingophiyo,” utshilo.

Uthe ukuba uMadiba ebesaphila ebeza kulumkisa ngelithi “Kwiminyaka edlulileyo zagaleleka iintlanga zamanye amazwe kweli, sathi soqabuka isizwe sethu wabe umhlaba waso usezandleni zabamhlophe, sashiyeka sona sinkonye ilize,” utshilo.

Ilizwe loMzantsi Afrika linezivumelwano zorhwebo eziliqela nelizwe laseChina.

La mazwe mabini aqala ukwakha ubuhlobo kwezorhwebo ngokusesikweni ngonyaka wama1998.

Phakathi konyaka wama2016/17, iChina ibineenkampani ezizinze kweli ezilikhulu elinamashumi amane (140). Ezi nkampani zityale kweli isixamali seshumi elinesithathu seBillion Dollars (US$13 billion).

Ngonyaka wama2015, iSebe lezeMfundo esiSiseko kweli, labhengeza ukuba abafundi abanomdla baza kufundiswa ulwimi lwaseChina isiMandarin njengolwimi elongezelelweyo.

Esi sibhengezo sagxekwa kabukhali ngumbutho weetitshala kweli, iSouth African Democratic Teacher’s Union (SADTU).

I-SADTU yathi ukufakwa kolu lwimi kwinkqubo yezemfundo yeli, lolunye nje uhlobo lobukoloniyali.

ULumumba uthe ukuba ebesadl’ amazimba uMadiba ebeza kuthi “Ilizwekazi leAfrika ngobubanzi ligqejwe elingophiyo amatyeli aliqela, ke ngoko kunyanzelekile lihlabe likhangele.”

Uthe ngoku lifikile ilixa lokuba iAfrika ithathele ezorhwebo ezandleni zayo.

Esi sifundo ngobomi bale ngqwele yakwaMadiba besizinyaswe ziinkosi, abaphathiswa, iingqonyela kumaziko karhulumente, abezenkolo kunye nabafundi bale yunivesithi.

Esi sifundo besiyinxalenye yemisitho eyenziwa kwiphulo likarhulumente lokuqaphela iminyaka elikhulu ebiza kufincwa nguMandela ukuba ebesaphila.

isibhlao@inl.co.za