Luncede abakhalayo ulutsha lwaseDutywa

Ulutsha oluzibiza Ngxakaxha is my home eDutywa lubethe kulo ezimpokothweni lunceda ababethakele ngeli xesha libi leKhorona kwilali yaboimifanekiso: ithunyelwe

Oneshishini lokukhalisa umculo ezingcwabeni, emitshatweni nasezinkonzweni uLindelani Ntlabathi waseSheshegu eDutywa, uthi unqwenela ukuba izinto zide zibe zibuyela esiqhelweni.

Oku kuza emva kokuba uCyril Ramaphosa wathi wabhengeza ukumiswa kweentshukumo elizweni ngenxa yentsholongwane ikhorona.

Uthi ubethakele kakhulu kuba uxhomekeke kweli shishini nosapho lwakhe kwaye iminyhadala ayisekho ebeye aqeshwe kuyo ukuze afumane imali.

UNtlabathi ungomnye wabathe baxhamla kwiipasile zokutya ebezinikezwa lulutsha lwale lali ngethuba olu lutsha lwaseNgxakaxha eDutywa luvule iqela kuFacebook elithi “Ngxakaxha is my home” nenjongo ibikukunceda abafana noNtlabathi.

Uthi noko umohluko uya kuthi ubekhona into engangenyanga kowabo koku kutya akunikwe lolu lutsha.

“Noko andizokumpampatha into engangenyanga, ndiyabulela. Sele simane sincedwa yigranti yomntwana zonke ezi nyanga, kunzima kakhulu, ndingutata kaloku ekufanele kujongwa kuye. Ndichaneke kakhulu kuba ishishini lam lixhomekeke ebantwini,” utshilo uNtlabathi.

Uthi senqwenela nokuba izikolo zingabi savulwa kulo nyaka kuba akazubanayo leyo yokusa umntwana esikolweni kwiveki ezayo xa zivulwa.

UNosimphiwe Ngqola uthi emva kokuba uMasipala waseMbhashe wanika abantu abathengisa ezitratweni kuphela iipasile zokutya, wabona ukuba baninzi abashiyeke besokola ebekufanele nabo baxhamle. Wavula eli khasi ecela abantu baseNgxakaxha abakwaziyo bafake isandla nabathe benza imali engangeR15000 bacukucezela abayi-23 kuyo, lilonke inani babe yi38.

Uthi aba baqale ngabo ngabona kunzima mpela abaxhomekeke kwimisebenzi yethutyana efana nokusamenta, nabantwana abaziintloko zamakhaya kumawabo.

Ubulele kulutsha lwaseNgxakaxha oluthe lwakhupha kulo ezimpokothweni.

Ubongoza koosomashishini baseDutywa bancedise nabo kweli nani lishiyekileyo kula 38 lingakhange lanele ukuze nalo lulale lutyile.