Luncumile usapho ngenxa yePirates

Umama waseDuncan Village eMonti uMkaweni Tshayisa (60) ophila phantsi kobunzima nesifo sokufa icala (stroke) akakayikholelwa nangoku imfesane ayenzelwe lisebe le-Orlando Pirates.

Ngaphandle kokungakwazi ukuhamba, uTshayisa ekanazimvakalelo zokuva ukuba lifikile ixesha lokuphendula indalo (ukuya ngasese). Oku kumnyanzela ukuba asoloko enxibe amanaphukeni.

UTshayisa uhlala kwimeko ekunzima nokuba ungene kwityotyombe elo ngenxa yokuba aphinyene amatyotyombe aphambi kwakhe, kunzima nokuba kuhambe isitulo sokuncedia ngokuhamba (wheelchair). Ezinye zezikhalo zikaTshayisa kukuba baxhomekeke kwimali yendodla yakhe kwinto yonke kuquka nokuthenga la maNapkeni kuba esithi ayabiza. Imeko yalo mama yapapashwa kwiphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa, nto leyo yachukumisa isebe le-Orlando Pirates eMonti.

Ngethuba lityelele kwinyanga ephelileyo, eli sebe laya liphethe into esiwa phantsi kwempulo, zange liye liphaca lathembisa ngokutyelela ngosuku loomama elaziwa ngokuba yiMothers Day, ukanti liye lenza njalo ngenene.

Eli qela lishiye eli khaya kwakunye noMama bencumile ngeCawe bemshiya bemombathise iingubo ezimamfumamfu ezimbini, iipakethi ezine zamanaphukeni ezizezona zidingekayo kulo mama, kwakunye nokutya okunokuthatha ixesha, into engangeenyanga ezimbini.

Usihlalo wesebe le-Orlando Pirates uNceba Nceros Bodlo uthi, oku ziinjongo zokubonisa ukuba umahluko bayawenza eluntwini ayikukuba baliqela nje eliphelela ebholeni.

“Asithathi ntweni, nathi kodwa asikwazanga ukunyamezela ukubona imeko yeli khaya xa sasiyibona kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa. Sibulela nakumalungu ethu athe azinikela nawo akhupha ezimpokothweni kuwo engathathintweni kuba efuna ibengcono impilo yalo mama,” utshilo uBodlo.

Benze umbulelo nakwiivenkile ezithe zabaxhasa ngethuba behambe benqkonqkoza befunela eli khaya uncedo.

Eli khaya lishiyeke libambe ongezantsi ngelikwenzelwe leli qela besithi kwizinto zonke zange bacinge ukuba bangaze bancedwe ngabantu bebhola. UBukeka Tshayisa ebexwakwe nakukuthini yimincili ulibulele eli sebe.