Isizwe esingacingisisiyo siba lilifa lenkxwaleko nentlupheko! Isizwe esambathwe zizibi namanyingilili, kodwa kwasona sikhethe ukungalungisi kuhlala, suka sihlale phezu kwezo ngxaki zigqamileyo, eso sizwe silibulala nya ilifa labantwana baso nelesizukulwana saso.
Ithuba sinalo lokuqula sihlanganise mzi kaNtu, nantsi inyanga yamagugu namafa ethu. Kule nyanga yebuyambo nokuzingca ngobuntu bethu, makhe siqwalasele enye yezinto ezidodobalisa inkqubela-phambili, ukuzinza nokuhluma komzi ontsundu ngakwicala lendyebo. Ngelishwa ke, sakhetha ukuxabisa imali yasemzini endaweni yomhlaba nemfuyo, xa ubani ethetha ngobutyebi bakhe.
AmaXhosa angaphambili ayeyixabisa kakhulu imfuyo, ukulima nomhlaba, kangangokuba wawungasoze ubone kuthengiswa lula ngomhlaba nemfuyo kumakhaya angaphambili. Nkqu sele kutshabe umntu, into yokuthengiswa kwemfuyo kwanokuxhelwa kwayo, yinto apha owawungasoze uyive.
Kutheni ke kumaXhosa anamhlanje kulula ukuthengisa imfuyo, nkqu nomhlaba ukuze kungcwatywe umntu obhubhileyo?
Kutheni kumaXhosa anamhlanje kuxhelwa kwakule mfuyo ibubutyebi bosapho xa kuza kungcwatywa umntu olanduleleyo eli limagad`ahlabayo? Kanene asikhulanga kusithiwa akuphalazwa gazi xa kuswelekiwe kwelo khaya? Sisibindi esivela phi esi sokuxhela, abe umntu engekangcwatywa nokungcwatywa?
Andifuni nokuthetha ngenkcitho enganyanzelekanga exhaphake kwimizi ngemizi xa kufuneka kungcwatywe umntu. Le nkcitho inegalelo elikhulu ekuhlwempuzekeni kwethu mabandla kaTshiwo.
Ukuba sinomnqweno wokuzinzisa uqoqosho kumzi ontsundu, masikuqwalasele ukuchitha imali eninzi kwimingcwabo esiyenzela amalungu eentsapho zethu.
Ukuba sifuna ukongela abantwana bethu nabazukulwana bethu imali eza kubagcina bephila ngaphandle kwendlala, masinciphise inkcitho yemali esiyenza emingcwabeni, loo mali okanye imfuyo yongiwe ukuze isizukulwana sethu singasokoli kwaye singabi ziimpula zikaLujaca.
Kwimingcwabo yamaXhosa amandulo kwakungasetyenziswa mali ekufakeni abantu emikhenkceni, kuba kwakungathathi xesha lide nazintsuku zininzi ukungcwaba umntu.
AmaXhosa angaphambili ayengachithi mali ngokuthenga iibhokisi zikanokutsho, kuba umntu wayengcwatywa ngokwambathiswa ingcawe yakhe, ingubo okanye iblankethe yakhe.
Ngaphambili kwakungarhafwa nale mali yokugrunjelwa imingxuma ngumasipala, kuba amadoda okuhlala ayephuma onke kuyiwe kombiwa idlaka.
Ngenxa yezi zizathu, amaXhosa amandulo ayenganyanzelekanga ukuba akhuphe iimali ezinkulu kwii-inshorensi zokungcwaba okanye aboleke imali ezalayo ukuze kungcwatywe umntu.
Nkqu nangosuku lomngcwabo, kwakusithi emva kokuhlanjwa kwezandla umntu afunjathiswe iinkobe, nkobe ezo zingumzekelo omhle wokutya kwesintu.
Ezi rayisi, iisaladi neengcangcazela nizitya emingcwabeni yenu zisuka phi kwaye niyalazi igalelo lazo elibi empilweni yenu?
Ezi ndidi zokutya ziphuphuma istatshi neswekile kwaye zikwangunobangela wezi zifo zingumbulalazwe zifana nentliziyo nesifo seswekile. Ngubani owakha wanesifo sentliziyo (High Blood) nesifo seswekile (Diabetes) kuba etye iinkobe? Siyayazi indlela ekudulu ngayo oku kutya?
Kungani singabekeli usapho olungcwabayo imali endaweni yokudyakraza imali ekutyeni, kwiziselo ezihlwahlwazayo ezinobungozi, enyameni, kwiimpahla zokunxiba, ekuthengeni iibhokisi ezidulu nakwezinye izinto eziyimfitshi-mfitshi?
Ezinye kwizizwe zasemzini zonga imali eninzi ngokucutha inkcitho yemali emingcwabeni, kuba zona zisadla ngendebe endala, azihambi nomoya wenkcitho oze namashishini asuka kwinkcubeko yamanye amazwe.
Ndothuke ndaphantsa ukufa xa bendiphanda kwimizi yabangcwabi nakuleyo yee-inshorensi zokungcwaba, xa ndifumanisa ukuba abona bantu baninzi bathatha nababhalisela ezi inshorensi, sithi bantu bantsundu, kuba sihleli nje siyakhuphisana, side sikhuphisane nangobuhle bemingcwabo le yembala. Kwakhe kwakhutshiswana na ngokufa nangokuzila?
Zithengelwa ntoni kwaye zinxityelwa ntoni iimpahla zamagama amakhulu nezehombo kodwa kuyangcwatywa? Ibaluleke ngantoni into yokuzila okanye ukuzimasa umzi oswelekelweyo ngokunxiba iimpahla ezitsala amehlo?
Zidwesha zakuthi ndiyaphinda, ukuba nasemva kwale nyanga yokukhumbula amafa ethu siza kuqhubekeka sidyiwaza ngemali emingcwabeni, sakuphela sijika sisiba ngooNatyhofithi boofunx`uthuli ndiyanixelela!
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa