Lunqongophele ubumbano eBumbane

Akukho themba lokumanyana kwisizwe sabaThembu nangona sikwinzila yokungabinakokeli kuba iKumkani yesisizwe uBuyelekhaya Dalindyebo iseluvalelweni kwintolongo yaseMonti.

Oku kudule ngethuba iinkosi ezimbini zesi sizwe uBhekizulu Sidima Mnqanqeni kunye noZilimbola Mpahlana zithe zatsibela kunomathotholo zibiza indibano engaziwayo likomkhulu.

Ngokwesibhengezo sikaMnqanqeni noMpahlana, le ndibano ihlelelwe ukuba iqhube namhlanje. Othethe egameni lekomkhulu lesizwe sabaThembu uNkosi Daludumo Mtirara uthi abazani nayo le ndibano kwaye abayazi injongo yayo.

“Siligxeka ngokumandla eli nyathelo lezi Nkosi kuba libonisa ukudelela amanqanaba akhoyo kubuKumkani babaThembu,” utshilo uDaludumo. Ingxelo ithi, la madoda athethe kwisikhululo sasekuhlaleni iUnitra Community Radio emema isizwe sabaThembu ukuba sibeyinxalenye yentlanganiso ezakubanjwa namhlanje eBumbane.

UMtirara uthi abanakuyeka iziganeko ezinje eziqhubekela phambili ukwahlula isizwe sabaThembu. “Sizakubhalela kwintloko yekomkhulu lakwa- Mnqanqeni sichaze esi simanga, sibacela ukuba bathethe noNkosi Bhekizulu ayeke ukwenza ezi ntetho zilahlekisayo kumajelo eendaba,” utsho uDaludumo Mtirara.

Isizwe sabaThembu kutshanje sahlukene phakathi ngamandla emva kokuba bebezama ukufumana iNkosi ezakubamba isikhundla seKumkani yabo eseluvalelweni uBuyelekhaya Dalindyebo. Igama likaNkosana uAzenathi Dalindyebo kunye nelo likaNkosi Mankunku Dalindyebo ngawo athi ahamba phambili kumadoda anokubamba isikhundla seKumkani lo gama iseluvalelweni.

Eli komkhulu lithi akukho ntlanganiso ikhoyo ngomhla wamashumi amabini anethoba eBumbane, ngoko abantu besa sizwe bangazilandeli ezi ngxelo zala madoda. “La madoda omabini awanagunya lokubiza intlanganiso egameni lekomkhulu labaThembu itsho eyethu ingxelo malunga noku,” utsho uMtirara.

Ukanti uNkosi Thandisizwe Mtirara uthi “zibubuvuvu” iingxelo zokuba ayaziwa likomkhulu intlanganiso abayibize ngomso.” Ayiyonyani leyo, izakuqhubeka le ntlanganiso nokuba abafuni kuba uBhovulengwe naye uyinxalenye yethu kule ntlanganiso, iincwadi ezimema inkosi zityikitywe nguBhovulengwe kanye,” utshilo uThandisizwe Mtirara.

Uhambisa athi bazakuqhubela phambili nentlanganiso nokuba alizanga elinye icala lekomkhulu labaThembu. Ukanti uNkosi Daludumo Mtirara uthi bathumele iiNkosi eziquka uNkosi uZwelithobile Mtirara kunye no Nkosi uThanduxolo Mtirara kwiziko losasazo ukuba bayekuphikisa ingxelo eyenziwe nguThandisizwe neqela lakhe.