Lusashaqekile uluntu lwaseNgqushwa sisithwakumbe sokusa kubhubhe umntu wonke emzini!

Amalungu amane osapho awafunyanwa ebhubhile kwikhaya lawo.

Ayangcwatywa ngeCawe esiya kuyo amalungu amane osapho olunye akwaNtshabase ekuse ebhubhile onke. UNkosi uKhawulela wamaBhele kula mmandla uthi, izinto zime ngobume kuba inkxaso abayifumanayo malunga namalungiselelo okungcwatywa kwala malungu ingummangaliso nanjengoko sele bebaninzi abazibopheleleyo ngamalungiselelo omngcwabo.

Oku kuza emva kokuba ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo, abahlali baseCisira eNgqushwa kwasa besiva isithwakumbe esingazange sehla ngaphambili kule lali apho kuse kubhubhe abantu abane; umama, intombi yakhe kwakunye nabazukulwana bakhe ababini bebulawa yinto engekaziwa nangoku kuba umnqa babengenamanxeba kwaye kungekho zimpawu zibonisa ukuba bagetyengiwe.

Ingxelo ithi umama uNoseko Ntshabase (62) kwafikwa ewe ngasemnyango kwigumbi lokubukela ithivi, intombi yakhe uBongeka (35) idunduluze epasejini abazukulwana bona besezibhedini nabo sebebhubhile, oneminyaka esixhenxe (7) noneminyaka emibini (2).

UNKosi Khawulela uthi, bashiyeke benemibuzo engaphendulekiyo bengabahlali nanjengoko inguThixo yedwa owaziyo ukuba kwenzekeni kwela khaya ngobabusuku kuba akukho nomntu ekunokubuzwa nakuye ngokwenzekileyo.

“Asazi eyona yenzekileyo kwaba bantu, umzi uphelile kubhubhe wonke umntu, yinto eyakhe yabaphi leyo injalo. Sisenemibuzo esingenayo impendulo yayo. Kodwa abacuphi baseKapa abafike apha bathi bazophinda babuye, mhlawumbi ngemini yomngcwabo sizowazi unobangela,” utshilo uNkosi Khawulela.

Olilungu losapho kwicala likaNoseko noziboneleyo uthi ngenene bashiyeke bezibuza imibuzo ngokuse kwenzeke kula malungu: “Wonke umzi uswelekile ngendlela esingayaziyo, yintoni eye yabehlela ebudeni bobusuku. NguThixo yedwa obonileyo nathi sinemibuzo esingakwazi ukuyiphendula.”

Uqhube wathi, umama ebesele ehlala naba bantwana bakhe kuba umyeni wakhe sele wabhubha kudala. Uthi lo uneminyaka esixhenxe umntwana ibingokaBongeka obhubileyo, ze lo uneminyaka emibini kuphela ngowentombi kaNoseko engasekhoyo uSindiswa naye owabhubha ngo2022 ngendlela engaqondakaliyo eseFort Hare ekunyaka wakhe wesine kwizifundo zakhe. Uthi basashiyeke benemibuzo yokubhubha kukaSindiswa njengokuba kuvela le nayo bengayazi yenzeke njani.

INkosi yamaBhele idize iindaba ezimnandi ngethuba incokola neli phephandaba ezokuba uninzi lusabele kwikhwelo lakhe ngethuba ecelela amalizo eli khaya.

Uthi okumenze ukuba ahlabe ikhwelo kungokuba ingxaki le ayiseyoyakwaNtshabase sele iyeyesizwe. Ukubalula kwabo somashishini sele bezibophelele ngokuncedisa ngamalunguselelo omngcwabo, likhaya lakwaMakinana Funerals eMonti, uSimelane ozakuncedisa ngeentente, uGwazi ozakuncedisa ngokutya noMasipala waseNgqushwa uzibophelele.

“UThixo ulungile uyabazi abazimela ngaye. Akukho mntu apha oshiyekileyo ebesinokubuza kuye. Ndiyavuya usapho lakwaNtshabase luza kungcwatywa ngesithozela, ndibulela kwabo bolule isandla beva ndakulila,” utshilo uNkosi Khawulela.

La malungu mane azakubekwa kwikhaya lawo lokugqibela kule mpelaveki siya kuyo ngeCawe kwikhaya labo eCisira eNgqushwa.