Lusezimbandezelweni usapho lwaseLusikisiki

Ubomi bunzima kusapho lakwaNomputshana olwathi lwashiywa ngumama walo ngonyaka ka2012. Olu sapho noluhlala kwindawo yaseMalizole eLusikisiki lunzinyelwa nayinto esiwa phantsi kwempumlo nanjengoko kungekho mntu usebenzayo kulo.

UNomthandazo Nomputshana oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala nohlala nabantakwabo abane uvakalise ukuba ubomi bunzima kwaye baphila ngamabona-ndenzile.

“Siphila ngokucela kubamelwane kuba asinanto. Kunzima nje, yintlungu imeko yethu,” utsho uNomthandazo.

Ukwavakalise ukuba akayazi ukuba uzakuthatha ntoni adibanise nantoni nanjengoko izikolo sele zizakuvulwa nalapho athe abantakwabo bayafunda nangona kunzima kuba omnye wabo uzakufunda ibanga leshumi kuwo lo nyaka.

“Emva kokushiywa ngumama kwanyanzeleka ukuba ibendim oqinisekisa ukuba silala sidlile, kwaye abantwana bayaya esikolweni” lawo ngamazwi kaNomthandazo obebonakala ekhathazekile.

“Sele ezibona eyintloko yekhaya nje uNomthandazo kungokuba abazali babo bobaini abasekho nanjengoko umama wabo elandele utata wabo owasweleka ngonyaka ka2003,” utshilo uNomthandazo.

Olu sapho lwakwaNomputshana luthi ludibanisa kwimali engamakhulu amathandathu eerandi (R600) yegranti efunyanwa ngabantwana ababini, mali leyo engakwaziyo ukubanceda kuzo zonke izinto abazidingayo.

UNomthandazo uvakalise ukuba umzamo wokufumana imali yeenkedama(fostercare) zange uphumelele ngenxa yokuba abanayo ideath certificate katata wabo.

Watsho esithi isicelo sabo kukuncedwa bafumane imali leyo yeenkedama, bancedwe nangendawo yokuhlala kuba kungokunje bahlala emkhukhwini.”Ndingavuya naxa ndinokuncediswa kwaba bafundayo abantwana khon’ ukuze bezophangela basikhuphe kolu sizi,” utshilo.