Lutsha thengani umhlaba!

Xa inyanga yolutsha isiya isongwa, ndithi mandihlabe ikhwelo kulutsha lwakowethu, ndisithi kuzo zonke izinto enizicwangcisayo, umhlaba mawuhambe phambili.

Bantwana basekhaya, thina badala, thina sebewadle ngokwaneleyo amazimba saziqongqotha iiKrisimesi neeNyibidyala, sibone saza safunda kabuhlungu. Ukubona kabuhlungu kuqale mhla izizwe zasemzini zahlutha imihlaba yoobawomkhulu.

Azanelenga ngokohlutha imihlaba ebekumele ililifa lethu, koko zenze elona sikizi libambisa amazinyo, elo lokwabelana ngamazwe e-Afrika kungagqithwanga kubemi baloo mazwe.

Ngenxa yokuswela umhlaba kwizwekazi lawo, ama-Afrika aphela ezizicaka namakhoboka akhonza kwa-aba bantu bangene ngendluzula kwizwekazi lethu.

Iphulo malibe linye ke xa kunjalo zidwesha zakuthi. Abantwana bethu mabathi beselula, sibafundise banzi ngomhlaba!

Abantwana bethu masibaqeqeshe bangapheleli nje ekuwuxabiseni nasekuwuhlonipheni umhlaba, koko kumele sibafundise sibaqeqeshe bawusebenze umhlaba, bawuxabise, bagqibele ngeyona nto iphambili kunazo zonke, ukuba ngabanini bomhlaba!

Mawethu, ngaphandle komhlaba sifana neembabala zolwantunge! Ngaphandle komhlaba sizizibhadu-bhadu eziphucwe isidima! Ngaphandle komhlaba sifana ngokungathi singoosixway`ikati boonompabanga abaxhinele imipha izikhwebu zombon`omtsha zikho!

Ngaphandle komhlaba siya kuhlala singamakhoboka, izicaka namahlwempu ahlwempuzeke kangangokuba lowo usibukeleyo, angathandabuzi ukusifanisa nezinja ezinebhula!

Mbi umbono oqhubeka ezilalini, ezidolophini nakwiindawo ezingamaplasi abahlala kuzo abantu abantsundu! Lo mbono ngulowo wolutsha oluhlala ludyakraza imali ngokuthenga utywala obudulu ngokungathi obu budulu abunachaphaza empilweni yomntu.

Kanti ke nokuba bungabiza malini utywala, isiphetho sesokuba xa ubusebenzisa ngokwexelegu, buza kukucuthela ubomi. Yiyeke ke indaba yobhelu lomsele, elona hlazo lindiphambanisa ndifune ukuthwala izandla entloko, lelo lolutsha olukhuphisana ngokuthenga imigrugra neminyobo yeemoto ezibaleka kusuk`amaphepha!

Sondela kwiindawo zolonwabo olugxalathelana ludibane kuzo ulutsha, apho uye ubone ezona moto zakhe zantle, zadulu nezinkulu ezisuka kumazwe afana neJamani, iFransi, iMelika neJapani.

Ngokophando endilwenzileyo emva kokubona ezi moto kwiindawo olonwaba kuzo ulutsha ezidolophini nasezilalini, ndifumanise ukuba zonke azikho ngaphantsi kwama-R150 000 ukuya kwi-R1000 000 nangaphezulu!

Oku ke kwenzeka nangona ixabiso lemoto lisihla emva kosuku uyithengile, ibe indlu okanye umhlaba zona zisenyukelwa lixabiso ngoku ugqiba kuzithenga!

Mhla ndangen`ebudodeni wandiyala ngamazwi obulumko ubawo ondizalayo, wathetha uNgqayimbana uMngwevu, into kaMavela esithi, “Mfo wam, amanye amadoda alibala kukuzisoka ngeemoto, utywala, ukuthatha amakhosikazi engekazinzi, amanye ngeempahla zikanokutsho, mna ndathenga lo mhlaba nizalelwe kuwo!

Kunyaka wokuqala ndiphangela mntwanam, kwamali endandiyibeka ndandiyibekela ukuthenga umhlaba ukuze nifikele esidimeni, ukuze nam ndibe yindoda emadodeni. Indoda engenamhlaba namzi, ibe iphangela, sisilerhe!

Indoda engenamhlaba ilahlekelwa sisidima kuba iphila ngokungcuchalaza nangokukhongozela. Ihlala kowayo emva kwendlu kungenjalo ihlale ngaphakathi endlwini okomntwana, ide iphathwe ngokomntwana. Nantso mfo wam ilala kuloo moto yayo ingumnyobo! Umhlaba yintsika yobomi kwedini!”

Kutsha nje ipalamente yoMzantsi Afrika inxakamile nomzi ngokubanzi wangqukruleka, xa inkokheli yombutho wezopolitiko wabo bantetho isisi-Afrikansi iyibeka ingacengi solala phi into yokuba, xa eminye imibutho ithe gqolo ukulwela ukubuyiselwa kwemihlaba kubaniniwo abantsundu, oko kungakhokelela kwimfazwe yobukhaya!

Lo mfo uyithetha le nto kuba esazi mhlophe ukuba ngaphandle komhlaba, umntu akangomntu ngokupheleleyo, ngaphandle komhlaba, indoda ayikabi yindoda.

Nithi kutheni na mawethu amaNgesi nama-Afrikaner aqala ngokuthatha ngendlovu imihlaba yookhokho bethu? Babesazi ukuba xa bethathe imihlaba yethu, kuphelile ngathi, babe bona beza kuba zizityebi ezingaswele nto naphakade.

Kweli lizwe kwenzeka umnqa ongasoze uwubone nakuliphi ilizwe e-Afrika okanye eYurophu. Kweli lizwe kulula ukuthengiselwa kwezinhanha zamanye amazwe umhlaba, ngeli lixa abantwana bomgquba becandelwa imihlaba elingene oomabuya-ze bezindlu.

Abantwana bomgquba bahlala emikhukhwini nakoovez`iinyawo ngeli lixa abantu basemzini abangena ngondlovu iyatsha apha kowethu behlala kwizithabazi zemihlaba nakumapomakazi.

Xa amakhwenkwe ebuya esuthwini kule nyanga yeSilimela, inyanga yolutsha, maze sithi xa siwayala, siwaxelele kugqogqeke iindlebe ngokubaluleka komhlaba, sitsho ngazwi linye ukuba ukusukela ngoku ukuya phambili, indoda mayiqale ngomhlaba, kulandele ukwakha umzi, kugqibele iimoto, impahla yokunxiba ekhwazayo, nobutywala ndini bungumbulalazwe!