Lutshintshiwe usuku lomsitho kaZahara

Imvumi yeli phondo uZahara.

Lutshintshiwe usuku lomsitho kaZahara, ozakuba sekhayeni lakhe elisePhumlani eMonti, ngenxa yomngcwabo okwakule lali. Le mvumi yeAfro-Pop uBulelwa “Zahara” Mkutukane izakusingatha umnyhadala wokubulela kwanokonwabisa abantu belali yakhe kwiholo yelali yasePhumalani ngomhla wesine kwinyanga yoMdumba esijonge kuyo.

Lo mnyhadala ubulindeleke ukuba wenzeke kulo uMgqibelo sijonge kuwo kodwa ngenxa yalo mngcwabo uMgqibelo weveki ezayo.

Encokola nephephandaba I’solezwe, uZahara uthi kungcwatywa utata obakhulisileyo ngethuba abazali bakhe bephangela kude nekhaya.

“Ndibonisa intlonipho kulo tata ozakube engcwatywa ngoMgqibelo. Ngomnye wabantu abasikhulisayo ekhaya ngethuba sisebancinci sikhula ngaphandle kwabazali bethu. Andinokwazi ukuba sibe sonwabile kube kulilwa kwelinye icala,” utshilo uZahara. Uthi, iinjongo zalo mnyhadala kukubulela kubantu bendawo akhuliswe kuyo kwaye nafundele kuyo umculo.

Uzakube ebonwabisa ngomculo wakhe mahala.

– abongile.ginya@inl.co.za