Luxhwarhe kwizihlobo usapho ngenxa kagandaganda

SEKUPHELE inyanga usapho lakwaDyani luxharhwe ebumelwaneni emva kokuba umzi wabo wagilwa ngugandaganda wamanzi osetyenziswa yinkampani yekontraka.

Olu sapho lihlala e-Unit P eMdantsane linyanzeleke ukuba lingcwabe elinye lamalungu alo kwakulo mzi wasebumelwaneni lixhwarhe kuwo.

Umama weli khaya uNoranti Dyani uthe, “Sisekwimeko ebuhlungu, asinamzi kwaye asazi ukuba umzi wethu ude ulungiswe nini sibuyele.”

Uqhube wathi, “Siswelekelwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ngunyana weli khaya omdala, obengaphilanga kakuhle nongazange aphinde aphakame emva kwesa siganeko salo gandaganda ungene endlwini. Simngcwabe kabuhlungu singekho khayeni lethu.”

Ukwathe unikwe ithemba ngumasipala weBuffalo City lokuba uzakulungiselelwa umzi wabo ze umasipala utsale iindleko zawo kwikontraka ophuma kuyo lo gandaganda.

ULeon Hauptfleisch wenkampani eyakha izindlu uCunningham Lindsey nobesuka kuyo lo gandaganda uthe, yimiba yomthetho ebambezeleyo, kodwa akanokunaba ngayo.

Abahlali balo mmandla abanxubileyo yile meko bakhala ngelithi lo gandaganda awungowale nkampani, nayo iwuqeshile, kwaye kukho ukukhombana ngomnwe phakathi kwale kontraka umasipala, kwakunye nenkampani leyo uqeshwe kuyo.

Kwelakhe icala, uceba weWadi elihlala kuyo olu sapho uZameka Gajula ugxeke abahlali ngokungasuswa kwalo gandaganda ngelithi bathi bafuna ukubona isibhambathiso esithi le mizi izakuvuswa xa sele uhambile lo gandaganda.

Ukwathe ufumane imiceli mngeni emva kokuba ethe wangelelela, “Sifumanise ukuba ikontraka eyayinikwe umsebenzi wokwakha yiBCM iLikithemba Construction ayikho kule ndawo, kwakha inkampani enxuse phantsi kwayo, kwaye abalawuli bakaLikithemba abafumaneki.”

Uqhube wathi, “Umasipala ugqibe kwelokuba uzakuyivusa le mizi, aze atsale iindleko zakhe kwinkampani iLikithemba, lo mba usachotshelwe ngamagqwetha kamasipala.”