Ebomini kunento esingenokuyibalekela eyokuba kusekho amakhaya ingakumbi ezilalini angabamkeliyo abathandana besini esinye ababizwa ngokuba ziiGay, kwaye asakholelwa nokuba bubusathane obo. Kungoko oyintatheli yaseKapa uNombulelo Damba Hendrick ozalelwa kweli phondo kwidolophu yaseMount Frere, egqibe ekubeni avelise ifilim ejongene ngqo nemingeni yemihla ngemihla eyokuxhatshazwa kweeGay. Le filim ithi ‘simanxeba’ yenzelwe kwilali yaseMhlubini eCofimvaba.
UDamba-Hendrick (35) weLihlume Media, nosele enento engapha kweminyaka elishumi eyintatheli. Uthi wafika eNtshona Koloni eneshumi elinesine leminyaka, wabona umahluko omkhulu weeGay ezixhaphake eKapa kodwa emakhaya emva engazange wabona nenye. Oku kwathi kwamenza umdla nangakumbi xa emane esenza amabali eeGay ezixhatshazwayo, zinukunezwa kwaye zibulawa, efuna ukwazi unobangela wokuxhatshazwa kwabo babe phofu befana nabanye abantu.
“Ngokwenza uphando nangokwenza amabali ndaye ndasondelelana nabo kakhulu kwaye ndatsho ndabuva nobuhlungu abajongana nabo umhla nezolo. Xa ujonga abantu abaseKapa uninzi lwabo basuka kweli phondo. Ndazibuza xa ndisezilalini kutheni ndingaziboni iiGay ekubeni uninzi loluntu olukweli Kapa luphuma eMpuma Koloni. Ndazibuza ukuba xa begodukile ngeeholideyi inokuba benza njani. Kulapho ndafumanisa khona ngokutsho kwabo ukuba bafika emakhaya bazifihle kuba besoyika ukugwetywa nokugxekwa. Kanti kwiidolophu ezinkulu ezifana neKapa kulapho baziveza khona, bakhululeke kuba bamkelwa kwaye akukho mntu ubajajayo,” utshilo uDamba-Hendrick.
Uthi enye yeenjongo zale filim kukufundisa kwanokuxhobisa uluntu lwasemakhaya ukuba iLGBTQI+ ikhona kwaye iseza kubakho koko mabamkele. Le ntatheli ithi bayenzele ezilalini eCofimvaba apho yendele khona, nathi iilali zezona zisenengxaki kwaye zingenalwazi ncam. Ngale filim uthi bakwafuna ukufundisa abazali emakhaya ukuba ayinamntwana uhluphekileyo, uphuma kwisityebi, ukhonzayo nakokabani iyenzeka.
“Nabazali siyabakhuthaza ekubeni baqale ekhaya ukunika inkxaso abantwana babo kwenzele nangaphandle bazokwazi ukwamkeleka lula. Xa kuqala izigxeko ekhaya oko kwenza umntwana aphatheke gadalala ngangaphandle. Abanye abafuni ukutshomana neeGay kuba besoyika ukujajwa nokoyanyaniswa.
Le filim ungayibukela kuYou Tube ukuze nawe mzali ufunde nto. Uza kufumana umfana ophila ukungcungcutheka ngokuzifihla ukuba uGay kuba esoyika ubhuti wakhe ongafuni nokuyibona. Uza kufumana nomama obekade exhasa unyana waye oGay kodwa xa kufika utata wekhaya uthetha enye. Ulakhile ikhaya lakhe kodwa akubonwa naleyo ngabazali bamfuna eyindoda enomfazi.
Abadlali bebonke balishumi elinesibini (12) abambalwa kwaba nguSiyabonga Badu, Thabo Mongezi Ndlovu, Mbasa Ziya, Olwethu Yamba, Siyabulela Mguda, Connie Mqolo, Tinam Matshaya noMzimasi Jele.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!