Luyangcwatywa usapho olutshele ebobosini

UGetrude Makhanda elilela abantwana nabazukulwana bakhe ababhubhe ngumlilo UMFANEKISO: Phando Jikelo

 

 Bazakungcwatywa kwaBhaca kweli leMpuma Koloni ngomso abantu abathandathu bosapho olunye lakwaMakhanda emva kokuba bathe batshela etyotyombeni labo ePhilipi eKapa.

ULukhangele Makhanda, inkosikazi yakhe uNosimanye Makhanda, uSinovuyo (9), uSisipho (6), uYamnkela (4) no-Isivile (2) batshele kweli tyotyombe kwikhaya labo elikwisitalato iXhalanga ePhilipi kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.

UGetrude Makanda ongumzalikazi weli khaya uthi usivile isikhalo kodwa kwabe kungekho nto anokuyenza ukukhusela usapho lwakhe.

“Ndiye ndaphelelwa ngamandla emva kokuva abantwana bekhala bengaphakathi emlilweni kwabe kungekho ndlela yokubanceda ndibakhuphe ngaphandle komlilo,” wathetha watsho uMakhanda.

 Olu sapho lungcwatywa ngoncedo labakwaDoves abathe banikisa ngeebhokisi ezintandathu kwanoxanduva lokuthwala lemizimba ukusuka eKapa ukuza eMpuma Koloni.

 

Ngethuba ethetha namajelo eendaba ngalo mcimbi ojongene neengxaki zemililo eKapa,  uTheo Layne,  wakhupha ingxelo zokuba akukho mpawu zokuba batshisiwe aba.


“Akukho nto isuka ngaphandle ibonisa ukuba kukho umntu ozame ukungena ngaphakathi,  endlwini akukho nto ibonisa ukuba kukho into ibivutha akukho lula ukumazi unobangela womlilo,” watsho uLayne. 


Lo mlilo wanqandwa ungekanabeli kumanye amatyotyombe akufutshane kulengingqi nanje ngoko kuqhele ukwenzeka xa kusitsha amatyotyombe. Isebe lentlalontle eNtshona Koloni linikise ngenkonzo zentuthuzelo kumalungu olusapho, uSihle Ngobese uqinisekise oku.”Ukusukela oko sithe senzeka esisiganeko oonontlalontle bethu bebenceda amalungu osapho ngenkonzo zentuthuzelo, kuquka nabahlali abathe bazibonela ngamehlo lentlekele,”uthethe watsho uNgobese.

 

Ukuqinisekiswa kwencindi yemfuzo kubangele ukulibaziseka kokungcwatywa kwalamaxhoba, othethe egameni losapho uLiz Peterson uyacacisa. ”Kunyanzeleke ukuba kuqhutywe uphando lencindi yemfuzo ngamapolisa, into leyo eyenze ukuba kuthathe isithuba seveki ezimbini yilonto elibazise ukungcwatywa kwabo,”utshilo uLiz Peterson.