Emva kokulinda ixesha elide, usapho lwakwaTokota nolwathi lwatshatyalaliselwa indlu olwaluhlala kuyo yiloli, lude lwayakhelwa indlu.
UDoris Tokota oneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu(63), nongumhlami waseMakhamangeni ePort Alfred, nowasinda ekufeni ngethuba kusenzeka le ngozi, uveze ukuba umnikazi wesithuthi ebesenza izithembiso kusukela oko kwathi kwehla esi sehlo.
Uthi, “Ndincame ndaya emapoliseni kuba bendibona ukuba akukho nto ilungayo”.
Ekwaveza ukuba ebengeyanga uyokuvula ityala, nto nje ebefuna ibengamapolisa amncedayo kuba ebebona uncedo sokuze alufumane. Indlu yolu sapho yatshatyalaliswa kwinyanga ephelileyo nto leyo yabashiya bengenanto.
Ngosuku okwenzeka ngalo le ngozi, I’solezwe lesiXhosa lwafika lwabanodliwano-ndlebe nomnikazi wesithuthi, nowathembisa ukuba kuzakuthatha nje iintsuku ezimbini ukuya kwezintathu ukulungisa wonke umonakalo nto leyo ingazange yenzeka.
Ngoncedo lokungenelela kwamapolisa, olu sapho lufumene uncedo kuba indlu lunayo kwaye neempahla zangaphathi zithengiwe ngumnikazi weloli.
Lo kaTokota ubulele amapolisa aseNemato ngentsebenziswano ekhokelele ekulungisweni komonakalo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike