Luzonwabise ngomculo ulutsha

Nanjengoko ilokishi yaseDuncan Village eMonti sele isaziwa njengendawo enolwaphulo mthetho, ukusetyenziswa kweziyobisi gwenxa kwanendlala egqubayo, inzalelwane yale ndawo uLuthando Mafaya ugqibe ekubeni aqokelele ulutsha ngosuku lwalo izolo, apho belukhuphisana ngeqonga ludanisa, lucula lusenza nemibongo esidlangalaleni kwindawo ebizwa ngokuba kuseDiphini.

UMafaya uthi uqokelele abantwana abase bancinci kuba efuna babone ukuba ikhona into entle engenziwa ngabo, ayizoziyobisi kuphela into eyonwabisa ulutsha.

“Nanjengoko sisazi ukuba into entle kwanembi ikotshwa emntwini omdala ngumntwana, namhlanje sifuna ze bakope okuhle, kwaye ize ihlale nasezingqondweni zabo ukuba ngoku ulutsha ikhona into entle ebonwabisayo,” utshilo uMafaya.

Elinye leqela ebelikhona yiCyfa Dance yaseMdantsane.

Umsunguli walo uBenjamin Rexana uthe: “Sithi phantsi ngeziyobisi kulutsha, ukuba singaxhasana silulutsha ngalo lonke ixesha kwaye sivuke siziqalele into yethu singaxhomekeki kurhulumente, masiye phambili afike urhulumente sesiqhuba.”