‘Mabagwetywe qatha ababulala abakhwetha’

Umbutho othwaliswe uxanduva lokuhlangula abakhwetha iCommunity Development Foundation of South Africa (CODEFSA) ithi umntu ongunobangela wokubhubha komkhwetha makagwetywe iminyaka engamashumi amabini (20).

Lo mbutho uthethe oku emva kokuba kuthe kwagwetywa iminyaka emihlanu amadoda amathandathu aseMount Ayliff emva kokulahlwa zizityholo zokubulala umkhwetha uLungile Nqwaba ngonyaka ka2014. La madoda abanjwe avalelwa ngoDisemba ngonyaka ka2014 laza ityala labo lagqithela kwinkundla yenqila yaseMount Frere ngenxa yobuzaza bezityholo.La ngingqi iphakathi kwendawo ezinengxaki ephambili yokubhubha kwabakhwetha kweli leMpuma Koloni, kwaye urhulumente weli ukwinzame zokulwa nale ngxaki.

Lo mbutho uthi ukumiswa kweli tyala izihlandlo eziliqela kubangele uxinzelelo olumandla kumzali weli xhoba onguLungile Nqwaba. Umlawuli weCODEFSA uNkululeko Nxesi uthi, nangona besamnkela esi sigwebo senkundla kodwa banqwenela isigwebo esiqatha.

“Singumbutho weCODEFSA besinqwenela ukuba la madoda agwetywe iminyaka engamashumi amabini entolongweni ngenxa yokubhubha kwalo mkhwetha,” uthethe watsho uNxesi.

Lo mbutho uthi azakuzama kangangoko unako ukuqinisekisa ukuba bagwetywa ngokucacileyo abantu abachaphazeleka ekubhubheni kwabakhwetha.

“Sijonge ukuqhuba uqhankqalazo olusingise kuzo zonke izakhiwo zesebe lezobulungisa kweli , ibongoza ukuba umthetho uqiniswe ngakubantu ababulala abakhwetha. Kufuneka bagwetywe qatha abantu ababulala abakhwetha,” utshilo uNxesi.

I-CODEFSA isoloko ixhasa amalinge okulwa iingxaki zasebakhwetheni kuzwelonke ngelizama ukuphungula inani labantwana ababhubhela eSuthwini.

Lo mbutho uthi bazakuqhuba uqhankqalazo oluya komkhulu ePitoli ukucela kuguqulwe imithetho emayela nabakhwetha kuzwelonke.

“Imithetho elawula eli lizwe yenza ukuba babhungce lula abantu ababulala abakhwetha, ngoko sicela ukucela isebe lezobulungisa ukuba liqinise intambo, umzekelo xa la madoda egwetywe iminyaka emihlanu ngokwengqawule bangaphuma nasemva konyaka,” utshilo uNxesi.

Eli tyala lelokuqala lokubulawa kwabakhwetha ukuba lide lifike kwinqanaba lokuba bagwetywe abatyholwa. Amanye ayachithwa kuba imithetho yeli ayinamasolotya enza ukuba babanjwe bagwetywe ngokucacileyo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za