Kukhuthazwa ababhinqileyo ekubeni bakukhuthalele ukuya ekliniki xa bekhulelwe uyokuhlukuhla, ukwenzele ingxaki kulowo ukhulelweyo ibonwe kwangethuba ukuzama ukunqanda amathuba okufumana umntwana engasaphili okanye umama abhubhe ebeleka.
Iindaba ezimnandi zezokuba kokokuqala iMpuma Koloni yehlele ngaphantsi kwenani elingu96 ebelijongwe ku100 000, oku kudizwe ngoyiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba esenza intetho yobume beMpuma Koloni ngoLwesine kwiveki ephelileyo eBhisho.
UMabuyane uthe: “Somlomo obekekileyo, siwanciphise kakhulu amanani aphezulu okubhubha kwamanina ngelixa ebeleka ukusuka ku-140 yamanina, safikelela kwinani elingaphantsi u86. Kodwa kunjalo sisaxhalabile kodwa sinethemba lokuba kwezi nzame zokukhuthazwa kwamanina ukuba ahlukuhle zingaphelanga iiveki ezingamashumi amabini umntu ekhulelwe, zinganceda kwaye zikhawulelane nomzali kwangethuba ukunqanda okungekenzeki,” utshilo uMabuyane
Uthi uxanduva bengurhulumente banalo elokuqinisekisa ukuba iinkonzo ezinikwa abantu zisemgangathweni kwaye futhi ziyaya eluntwini. Uqhube wathi bakwaqeqesha abasebenzi ngamanyathelo oncedo akhawulezileyo kwanokuthengwa koomatshini nezixhobo ukubonakalisa ukuzimisela kukarhulumente ekuphuculeni iinkonzo ezingcono kumanina akhulelweyo.
UMabuyane ukwahlaba ikhwelo nakwabo bazali banabantwana abakhubazekileyo ekubeni baphakame abangaqondiyo kuzokutsho kuncedakale abantwana babo njengoko kukho oomatshini abaphuculiweyo abenzelwe ukunceda bona.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8