Iqalile inkqubo yokulwa neengxaki zasesuthwini eMpuma Koloni nanjengoko lifikile ixesha lokwaluka lasebusika.
Ingxelo yeNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni ithi ngamaqela amahlanu athunyelwe koomasipala bezithili ezine eziquka iChris Hani, OR Tambo, Alfred Ndzo neJoe Gqabi.
Othethe egameni leNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uWelile Jack, uthi baqalisa iphulo lokulumkisa uluntu, bekwafundisa ngeenjongo zokuthintela iingxaki zasesuthwini.
“Ukusukela ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga iphelileyo uTshazimpuzi, ukuya kumhla weshumi kwinyanga kaCanzibe walo nyaka,” uthethe watsho uJack.
Ingxelo ithi la maqela aza kuquka iiNkosi, amagosa esebe lezeMpilo namagosa aphuma koomasipala beMpuma Koloni.
“Eli phulo lilandela emva kokuba kufundiswe abantu ngomthetho wolwaluko iEastern Cape Male Initiation Act othethe ngokutya omakutyiswe abakhwetha, indawo abahlala kuzo, ukusetyenziswa kweziyobisi esuthwini, izifundo zabakhwetha, ukufundiswa ngokutsha kwamakhankatha nezinye,” utshilo uJack.
Owayesakuba ngusihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Mathanzima, ngaphambili wamemelela ukuba eli siko lokwaluka liqhutywe kuphela ngexesha lasebusika.
Umasipala waseOR Tambo njengesiqhelo ubenenani eliphezulu labakhwetha abathe babhubha ngexesha lolwaluko lasehlotyeni kunyaka ophelileyo.Oomasipala abaquka iNyandeni, Ngquza, Port St Johns neMhlontlo baphakathi komasipala abaza kuhanjelwa zezi Nkosi.
Ethetha ngolu tyelelo lwezi Nkosi, usibonda wekomkhulu lamaGcina eCacadu, uWeziwe Mpangela, uthi bajonge ukuphelisa ingxaki zasesuthwini.
“Sicela inkxaso kootata bonke ukuba babekho komkhulu ukuya kumamela ukuba la magosa aphuma kwiNdlu yeeNkosi azakuthi makwenziwe ntoni ngesiko lokwaluka. Ndicela nibaxhase ngazo zonke iindlela eninokwenza ngazo.
Lishumi elinesithandathu abakhwetha ababhubhe esuthwini kwixesha lasehlotyeni kunyaka ophelileyo, nebelihlile xa lithelekiswa neminyaka engaphambili.
Ngonyaka ka2015 ngamashumi amane anesithandathu abakhwetha ababhubha eMpuma Koloni, logama bengamashumi amabini anethoba kunyaka ka2016.
Linyuka ngamandla inani labakhwetha kweli phondo emva kokuvalwa kwezikolo ngenxa yeeholide zasebusika. Ethetha ngeengxaki zolwaluko ekuqaleni kwalo nyaka, uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumente neMicimbi yeMveli uFikile Xasa wathetha wathi:
“Lehlile lona inani labantwana ababhubhe ngexesha lasehlotyeni, kodwa kufuneka ukuba sisebenzele ukuba kungabikho nomnye umntwana obhubhayo,” watsho uXasa.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman