Mabuphele nya ubuhlanga!

Lo nyaka siwuvule ngezithuko zenkosikazi enguPenny Sparrow yaseThekwini eyathi yafanisa abantu abantsundu neemfene, esithi bagcolisa ulwandle lwaseMargate.

Ngoku sizibona sivala lo nyaka ngezinye izithuko zenkosikazi enguVanessa Hartley waseKapa othe iHout Bay igcwala abantu abantsundu kwaye abantu abantsundu bayafana nje nezilwanyana ezingenangqondo.

Makhe sibuye nje umva kancinci sizibuze ukuba ingaba aba bantu basithatha phi na isibindi sokucalulula nokuyuca abantu abantsundu? Ingakumbi kula maxesha enkululeko?

Kweli phepha lanamhlanje sinengxelo yosapho lwaseMonti oluthe lwazibona lungamaxhoba lwamaBhulu eGonubie. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wamaBhulu amathathu exhobe ngemipu ethuka olu sapho ebaxelela ukuba bababethela uZuma.

Yinto ethiwani na le? Kutheni na abelungu bezithembe kangaka? Bengabethelwa nasisazela xa becinezela umntu ontsundu.

Uyakuthi uphosa amehlo kumabonakude ubone abanye benyhala umntu ontsundu kwibhokisi besithi bazakumngcwaba ephila. Uyakubona abanye betyisa abantu abantsundu inyama yenja.

Uyakufika abanye bechamela ukutya kwabantsundu osogqiba bathi mabatye okokokutya. Isono sethu na ingaba kukuba ngabantu abantsundu na?

Ukuba apha eMzantsi Afrika sithi bantu bantsundu isininzi kutheni na sisacinezelwe ligcuntswana labantu abamhlophe? Ingaba kungenxa yokuba ezoqoqosho nobutyebi bezwe busesezandleni zabo? Ingaba mhlawumbi kungenxa yokuba sihlonipha iilwimi zabo ngaphezu kwezethu lento bezibona bebhetele kunathi?

Mhlawumbi. Utshintsho kufuneka luqale apha kuthi. Sizixelele ukuba asisokuze sinyamezele ukucinezelwa ngamaBhulu kula maxesha enkululeko. Umntu makangavumeli ukuphathwa kakubi, ukubizwa ngelikaKhafula, nokuphathwa kakubi luhlanga oluthile. Ukuba unengxaki eloluhlobo yise emapoliseni, umbambise lo mntu.

Ukuba uxakene nobuhlanga apho ukhoyo ungasithumela umyalezo kuWhatsapp wethu ku 063 743 9538 okanye usibhalele ku isibhalo@inl.co.za