Mabuyane: ‘Akukho 5G kugonyo lweCovid-19’

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uliphindile elisoloko libethelelwa ngurhulumente, ngelithi uluntu maluthobe amaxhala kuba ichiza lokugonyela iCovid-19 liphunyeziwe ziinkampani zokuhlolwa kwamachiza.

“Ayinanyani into ethi eli chiza ekuza kugonywa ngalo abantu liyanyaniswa ne-5G (umsinga wezonxibelelwano), kwaye sithi abantu mabangamameli amampunge, izinto ezingekhoyo. Siqale ngokugonya abasebenzi bezempilo kunye nabantu abadala kuba sifuna ukukhusela bona. Xa kufika elam ilixa, ndiza kugonywa, kwaye yinto leyo ekufuneka bonke abantu abakwikhabathiso lokugonywa, bakufumane ukugonywa,” utshilo uMabuyane kule veki.

UMabuyane umemelele kuluntu ukuba lohlukane nokuthetha izinto ezinganabunyani malunga nolu gonyo. Ukhumbuze uluntu ngogonyo lwezifo ezifana nemasisi, poliyo, esithi kudala lwaqhuba ugonyo lwezifo kweli lizwe.

“Imbi ke into yokuba kweli xesha lale Covid-19 sixakwe ngabantu abadala abahambisa amampunge ngenkqubo yogonyo. Mna xa kufike elam ilixa lokugonya, ndiza kugonya kwakunye namalungu osapho lwam aselungelweni lokugonya. Sicela abantu ukuba bakulungele ukuqala kwenkqubo yogonyo,” kubongoza uMabuyane.

Urhulumente wephondo umisele ikomiti yokujongana nale nkqubo yogonyo. Le komiti iza kukhokelwa nguGqirha Thobile Mbengashe, obesakuba yintloko yesebe lezempilo ephondweni.

Amalungu ale komiti ngu: Gqr. Thobile Mbengashe (inkokheli yekomiti), Njingalwazi Kholeka Mlisana, Njingalwazi Welile Shasha, Gqr. Sibongile Zungu, Gqr. Thuthula Balfour, Mnu. Siyabulela Tsengiwe (omele abasebenzi), Gqr. Bruce Janssens (ophuma kwizibhedlele zabucala).

UMabuyane uthi ukufika kwenkqubo yogonyo akuthethi ukuba abantu kufuneka bayityeshele imigqaliselo yokuzikhusela. “Hlala ukhuselekile, unxibe imaskhi yakho, ugcine umgama phakathi komnye nomnye, uhlambe okanye ufake isanithayiza kwizandla zakho rhoqo. Ngeenkcukacha malunga nenkqubo yogonyo, abantu bangatsalela u-0800 032 364.”