Mabuyane: Akukho Mandela ngaphandle kweANC

UOscar Mabuyane ongusihlalo weANC eMpuma Koloni utyelele icawe yama-Afrika kwilali iCeru eGcuwa

USIHLALO weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi uNelson Mandela edume ehlabathini nje kungenxa yeANC.

“Ngaphandle kweANC, uMandela ngewayephelele nje ekubeni yinkosi yakuMvezo, ahlale phaya,” utshilo uMabuyane, ethetha eCeru eGcuwa kwityalike iNational Church of Africa, ngethuba lo mbutho ubuyokuzimasa umsitho ophawula ukugqitywa komsebenzi wokuphucula le tyalike owenziwe yiANC.

UMabuyane uthi abathunywa beANC mabakuqonde ukubaluleka kwalo mbutho eluntwini.

“Yonke le nto siyenza kuba siyazi ukuba ngaphandle kwecawe akukho ANC, ngaphandle kweenkosi akukho ANC. Ziinkosi neecawe ezabangela ukuba kubekho iANC.

“Sikwenza oku siyibethelela into yokuba ukuba iANC ibingekho ngesingenaye uMadiba, uMandela ngewayephelele ekubeni abeyinkosi yakuMvezo, ahlale kuMvezo,” utshilo.

Kule tyalike, iANC ixhase ngokwenza isilingi, yongeza nezitulo nokunye.

“Sikhumbula uMadiba, sikhumbula umama uSisulu. [Ngokwenza oku] sizama ibuyambo, sibuyela emva ekusekweni kweANC.

“Into ebangela ukuba size kule nkonzo kungenxa yabazali bale nkonzo. Besisemngcwabeni kwinyanga ephelileyo, abazali bale nkonzo bacela ukuba sibancedise ngesilingi, kodwa xa siqwalaselayo sifumanise ukuba zininzi izinto ezifunekayo apho kuye kwanyanzeleka ukuba siyenze ngokutsha, sifaka nezitulo,” kutsho uMabuyane.

UMabuyane uthi ukusekwa kweANC kwaba ngunobangela wokutshintsha kweempilo zabantu abamnyama.

“Kwabakho iANC, kwabakho nethuba lesikolo. Isikolo sanceda ukuba kubekho isiswenye sehlabathi ekuthiwa nguMadiba. Sibulela amandla eANC nalapho siyabachazela abantu ukuba makudunyiswe iANC kuba yiyo ekuthatha apha, ikubeke phaya.

“Into esiyibethelelayo sisazela kubameli babantu, silwe norhwaphilizo xa sikhumbula uMandela, siqinisekise ukuba siyazinikela ekusebenzeleni abantu xa sikhumbula umama uSisulu.

“Icawe kulapho abantu banikwa khona ithemba, bayazi ukuba ingomso alizufana nanamhlanje, nenamhlanje aluzukufana nengomso,” utshilo uMabuyane.