Mabuyane: ‘Asikho kwaBhadakazi okanye kwaNti’

UMphathiswa uSindiswa Gomba kwakunye neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Bheki Radebe
INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi eli “asiloxesha lakudlala politiki” watsho ekhumbuza amahlakani kwezopolitiko ukuba “siyanibona”.


UMabuyane ebethetha noonondaba eMonti ngoMgqibelo kulandela indibano ebeyibambe namagosa ezempilo kuquka neqela likazwelonke elithunyelwe nguMphathiswa uGqr. Zweli Mkhize. UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba naye ebeyinxalenye.

UMabuyane uthi uGomba oko eyinxalenye neqela lesicwangciso sokuqubisana nentsholongwane yeKhorona ephondweni.

“Aba bantu bathi mabagxothwe uMphathiswa (Gomba) ngabantu nje abangayaziyo ukuba kwenzeka ntoni. Siyabacela abantu bakuthi bahlukane nentlonti. Sisebunzimeni apha, abakwazi ukuthandaza mabathandaze, abakwazi ukusebenza mabenze njalo,” utshilo uMabuyane.

Kukho izimemelelo zokuba uMabuyane makagxothe uGomba, eziphuma kwiANC Youth League yaseNelson Mandela Bay.

UMabuyane uthi “imidlalo” yezigqubu zepolitiki abanalo ixesha layo.

“Siyanibona ngoku thina sibetha intsimbi yokufaka isikolo, abanye babetha intsimbi yokukhupha isikolo.

“UMphathiswa (uGomba) ukhokela umsebenzi. Ukusukela oko siqalile oko uMphathiswa (uGomba) ekhokela umsebenzi. Neli qela likaMphathiswa kazwelonke (Mkhize), alifikanga kwaBhadakazi apha, alifikanga kwaNti wabe noNti engekho. Lifike uNti ekhona,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ukwathe okwangoku iphondo lineebhedi ezingamawaka amabini (2 000) zokujongana nabo banentsholongwane yeKhorona. Iphondo lifuna iibhedi ezingamawaka asibhozo (8 000) ukuqubisana nomthamo wabo banentsholongwane yeKhorona xa amanani esonyuka.

“UVolkswagen uyasincedisa nanjengoko kwisibhedlele sethutyana esigxunyekwa eNelson Mandela Bay Stadium apho kuza kubakho iibhedi ezingamawaka amane (4 000).”

UGomba uthe: “Sithathe isigqibo sokuba izigulana zityelelwe kanye ngosuku imizuzu elishumi elinesihlanu futhi abantu bangaphatheli izihlobo ukutya okuphekiweyo, baphathe okugqunyiweyo.”

UMabuyane uthi bantu abasele behloliwe bangama-450 000, abavavanyiweyo bakuma-8 000. 
NgoMgqibelo abasweleke ngenxa  yeKhorona ephondweni bebelishumi logama abosulelekileyo bebengama-488.