Mabuyane: Asikho kwiholide, hlalani ezindlini

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane noMphathiswa wezeMpilo uSindiswa Gomba

INKULUBAPHATHISWA yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ukhuthaze uluntu ukuba luhlale ezindlini, esithi oku likhubalo lokunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yeKhorona.


UMabuyane ukuthetha oku emva kwesibhengezo sikarhulumente kazwelonke sokuba abathengisi basezitalatweni baza kuvunyelwa ngoku ukuthengisa, xa beneempephamvume.

Kwakhona, umyinge wokukhwela iteksi unyuswe waya kumashumi asixhenxe ekhulwini (70%), into ethetha ukuba iteksi ekhwelisa abantu abalishumi elinesihlanu ngoku iza kukhwelisa abantu abalishumi ze iphela (iimoto ezincinane ezitekisayo eMonti) likhwelise abantu abathathu kuquka nomqhubi.

UMabuyane uthi urhulumente wephondo uzenzile iinzame zeendawo zokuhlala kwanokutya kwabo bangenamakhaya.

“Abantu mabahlale ezindlini. Khusela usapho lwakho ngokuthi uhlale endlini,” utshilo uMabuyane.

Ethetha nabeendaba eBhisho kwiveki ephelileyo, iNkulumbuso uOscar Mabuyane ukhumbuze uluntu ukuba luzikhathalele ngeli xesha lokuvalwa kokuhambahamba kwabantu.

“Asikho kwiholide bantu bakuthi, thobelani imithetho karhulumente encedisa nina ukuba nizikhusele. Hlala kowenu. Aba bangaqhelanga kuhlala emakhaya, siza kubancedisa ngoku.

“Abantu mabancedise urhulumente sivale amazibuko. Sizama ukunqanda amanzi angangeni endlini. Nawuyazi into ebangela ukuba sixhalabe siliphondo kuba xa le meko yale ntsholongwane ingasasazeka apha eMpuma Koloni, kule meko yethu e-ethe-ethe ngenxa yentlupheko nendlala nemeko nentsokolo yabantu bakuthi, iya kusibangela ukuba sibe nengxaki enkulu.

“Abantu mabayeke ukuhambahamba, kuba sele sibona ukuba ukunqanda ukuhambahamba yindlela yokulwa nale ntsholongwane. Siyayibethelela into ethi sicela abantwana bangasiwa esuthwini ngeli xesha lokuvalwa kokuhambahamba kwabantu. Lixesha elinzima eli,” utshilo uMabuyane.