Mabuyane: ‘Asikwazi ukudinwa ngabantu’

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane ukhuthaze amagosa karhulumente waseMpuma Koloni ukuba asebenze okwamashishini abucala xa esenza umsebenzi wokusa iinkonzo eluntwini.

Ebethetha eMonti kwiveki ephelileyo ngethuba urhulumente wephondo ebewonga amasebe namaziko karhulumente enze umahluko kunyakamali ka2020/2021.

“La mawonga asekelezelwe kwiBatho Pele (Abantu kuQala), neyinkqubo ekhuthaza ukuba inkonzo karhulumente ibesemgangathweni, futhi ikholose ngabantu. Asikwazi ukudikwa zizikhalazo zabantu. Ukuba uyadikwa zizikhalazo zabantu, ukwindawo engeyiyo kwarhulumente. Silindele amagosa karhulumente asebenzele uluntu ngendlela enesidima ngamaxesha onke,” kutsho uMabuyane.

Phakathi kwamasebe karhulumente athe awongwa lisebe lophuhliso loluntu ephondweni ngenkqubo yalo yokuqokelela abantu abahlala ezitalatweni ngethuba lexesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni nyakenye.

Lona isebe lemisebenzi yoluntu ephondweni liwongwe ngenkqubo yalo yokuvuselela izibhedlele ngethuba kuqala iCovid-19 nyakenye. Isibhedlele saseGcuwa siwongwe ngephulo laso lokwenza iimaski ngamashiti ngethuba izixhobo zokhuseleko kwiintsholongwane (PPE) zazinqongophele.

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane ekunye noNontuthuzelo Jadezweni wesibhedlele saseGcuwa UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UMabuyane uthi la mawonga akhuthaza ukhuphiswano ngokomsebenzi kwanobuchule ekwenzeni umsebenzi.

“Amanqenerha adodobalisa urhulumente weANC. Makubekho ukhuphiswano ngomsebenzi owenziwa ngamagosa karhulumente. Sifuna ukwakha urhulumente onomthamo owaneleyo wokusabela kwiimfuno zoluntu. Asikwazi ukudinwa ngabantu.”

UMabuyane uthi ubuninzi bemali eyabelwa urhulumente wephondo iya kwimivuzo yamagosa karhulumente ephondweni.

“Malunga ne65% yohlahlo lwabiwomali lwephondo (R53.7 billion yeR82.6 billion ka2021/22) luya kwimivuzo yabasebenzi bakarhulumente. Abantu bakhala ngeenkonzo ezingundoqo, into ethetha ukuba amagosa karhulumente kufuneka esabele koko,” kutsho uMabuyane.

Ingqonyela yesibhedlele saseGcuwa uNontuthuzelo Jadezweni, uthe: “Isibhedlele sethu sisibhedlele esidala kakhulu, into ethetha ukuba sineengxaki esinazo. Siziva sikhuthazeke kakhulu ngokufumana eli wonga. Ndiyavuya ukuba ubuchule esibenze ngethuba leCovid-19 nyakenye, busenzele okuhle.”

“Ngoku sikwiphulo sokuzisusa kuluhlu lwesibhedlele esiqhame yimidliwo, endaweni yoko sibe sisibhedlele esineenkqubo neenkonzo ezisemgangathweni,” utshilo uJadezweni.