Mabuyane: Elele nje uZwelonke usathetha

INkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane, iKumkanikazi uNozamile kunye neNkosazana uNomaXhosa Sigcawu imifanekiso:Bheki Radebe

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi bengurhulumente wephondo baza kuqinisekisa ukuba izinto ebezisemdleni weKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu zihlala zihleli.

UMabuyane ebethetha izolo eAbbotsford Christian Centre eMonti, ngethuba iphondo belibambe inkonzo yesikhumbuzo kaKumkan’ uZwelonke.

“Qho xa edibana nam ebemana ukundikhumbuza ngebala lezemidlalo likatat’ uNgumbela eDutywa, esithi ukungagqitywa kwalo akumonwabisi.

“Siza kuqhubeka naloo misebenzi kuba siyayazi ukuba elele nje usathetha,” utshilo uMabuyane.

Phakathi kwabazili bekuquka umama ozala iKumkani uKumkanikazi Nozamile Sigcawu, Nkosazana NomaXhosa Sigcawu kwakunye noNkosi Mwelo Nonkonyana. Ethetha malunga nombandela walowo oza kungena endaweni kaKumkani, uMabuyane uthe: “Ngumcimbi wosapho lweKumkani lowo kodwa ke thina siyayazi ukuba isikhundla seKumkani asixoxisi kuba yinto ethe gca. Thina njengooSodolophu, abaPhathiswa neeNkulumbuso singamaphakathi aKomkhulu. Into esiyinqwenelayo ziinkosi eziyityuwa yehlabathi, ezilulutho eluntwini.”

UKumkani Zwelonke ungcwatywa ngomso (Lwesihlanu) kumngcwabo oza kubanjelwa koMkhulu eNqadu kuGatyana.

UMongameli Cyril Ramaphosa uza kwenza intetho ethe qabavu kulo mngcwabo.