Mabuyane: Hambani kodwa ndobuya ndinikhumbule

Isike kwincwadi emlom’ ubomvu iNkulubaphathiswa yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ngethuba isenza intetho ephambili kumcimbi wokumiselwa kweBhishophu yamaTshetshi eMbashe, uBhishophu Mluleki Fikizolo.

UMabuyane, ephahlwe ligqiza lamagosa eofisi yakhe, wenze umbulelo kumaTshetshi ngokummema ukuba aze kwenza intetho kulo msitho obubanjelwe eDutywa.

Umcimbi wokubekwa kukaBhishophu Fikizolo ubufudunyezwe bubukho beBhishophu enkulu yamaTshetshi kuzwelonke, uBhishophu Thabo Makgoba.

“Egameni loRhulumente weMpuma Koloni kwakunye nabantu beli phondo ngokubanzi, silapha ukuza kumqhwabela izandla uBhishophu Fikizolo ngokutyunjwa ukuba akhokele inkonzo yamaTshetshi eMbashe,” kutsho uMabuyane.

Inkonzo yamaTshetshi engcambu zayo ziseNgilane, yenye edlale indima enkulu ukukhuthaza imfundo, uxolo nothando phakathi kwabantu baseMpuma Koloni ukusukela ngemihla yakudala.

“Le ngubo uyambathisiweyo inamasondo amathathu, isondo lokuqala luthando, olwesibini luxolo nokuzeka kade umsindo,” ugadlele watsho uMabuyane.

Ukwazibophelele kwelokuba urhulumente wakhe uza kusebenzisana nenkonzo yamaTshetshi ukulwa iingxaki ezambethe uluntu.

“Sicela kuni nisincedise ukunanisa amazwi oxolo, ubambano, inkqubelaphambili nethemba ebantwini beMpuma Koloni,” kutsho uMabuyane.

UMabuyane uxelele ibandla lamaTshetshi kunye neenkokeli zeli bandla ukuba uFikizolo yindoda ekufaneleyo ukukhokela ibandla likaThixo.

“Awuqakathanga sigaba, wazibona sowunguBhishophu, awubanga yiBhoshophu ngengozi, koko kungenxa yemisebenzi yakho ukuba uzibone ukule ndawo ukuyo,” kutsho uMabuyane.

Iinkonzo eziquka inkonzo yamaTshetshi zigaleleke kweli ngeminyaka yoo1800 zisetyenziswa ukuthibaza abantu beli kwimilo eyayixhaphake kakhulu, ingakumbi eMpuma Koloni.

Isithili saseAll-Saints yenye yeendawo ezinembali ebanzi kwezenkolo nakwimbali yeeKumkani neeNkosi zabaThembu nanjengoko le ngingqi imumethe amathambo weKumkani yabaThembu uNgubengcuka. IiNkosi zamaQwathi eziquka uNoni noDalasile zikwalele kummandla waseAll-Saints. INkosazana yamaMpondo uNonesi naye ukhe wachitha ixesha lobomi bakhe eAll-Saints phambi kokuba andulukele kubaThembu baseRhode eCacadu, erhuqa uMtikrakra ngesandla.

UMabuyane usebenzise eli thuba eyaleza iingxaki eziquka ukubulawa kwabantu, ubuqhophololo, ubusela, ukubulawa kwamanina nokungabikho kozinzo eMpuma Koloni.

“Sifuna amacebo nkalo zonke okuqubisana nale mingeni, asithi iimpendulo zethu zonke zisenkonzweni, kodwa inkonzo sisiseko sokwakha umntu ogqibeleleyo, omxabisileyo omnye umntu,” kutsho uMabuyane.

UMabuyane uhombise intetho yakhe ngokucaphula kwincwadi zendalo eGadini yaseEdeni apho kuthwa uThixo wathi “Hambani kodwa ndobuya ndinikhumbule.”