Mabuyane: Hlawula ngeMedical Aid yakho kwisibhedlele sikarhulumente

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi abo baneeMedical Aid, inkqubo yezempilo ehlawulelwayo, mabahlawule ngazo kwizibhedlele zikarhulumente ukuze umbuso ukwazi ukufikelela nakwabanye abantu. 


UMabuyane ebesenza imvulamazwi kwingqungquthela yantsukumbini yesebe lezempilo eMpuma Koloni ebanjelwe eIDZ eMonti ukuqala ngoLwesine, apho umxholo ikukuxoxa nge-inshorensi yezempilo kazwelonke (NHI) kuquka nokuba iza kuncedisa kanjani ekuphuculeni imeko yonyango eluntwini. 


“Inkqubo yeNHI iza kuvala umsantsa wokungalingani kwinkqubo yezempilo. Inkqubo yezempilo kweli lizwe yahlulwe kubini, abo baneeMedical Aid kwanabo bangakwazi ukuzihlawulela,” utshilo uMabuyane.


UMabuyane kudala eyishumayeza eyokuba abo baneeMedical Aid, mabahlawule ngazo xa bencedwe kwizibhedlele zikarhulumente. 


“Mhlawumbi ngenye imini ungene engozini, kucime iingqondo uyoqabuka kwisibhedlele sikarhulumente ube unayo iMedical Aid. Xa ukhutshwayo kwesa sibhedlele ufanele uhlawule ngeMedical Aid yakho,” utshilo uMabuyane ngethuba ethetha eBhisho, ekuqaleni kwale nyanga. 


UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba uthi okuphezulu kubo kukuqinisa umgangatho wezibhedlele neekliniki.