Mabuyane: ‘Iindibano zePasika ziyasixhalabisa’

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi iindibano zePasika zenza ixhala kuba zingangunobangela wokunwena kweCovid-19.

Ebethetha kwisibhedlele iCecilia Makiwane eMdantsane ngoLwesihlanu ngethuba urhulumente wephondo ebephehlelela isiza sogonyo lweCovid-19 kwesi sibhedlele. Ebephelekwa nguMphathiswa wezeMpilo ephondweni uNomakhosazana Meth. Kwangolo suku, urhulumente wephondo unikezele kumagosa ezempilo izithuthi ezingamashumi alithoba anesithathu (93).

Izithuthi zokuthutha izidumbu UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Kwezi zithuthi ezingamashumi amane anesithathu (43) zezokuthutha izidumbu, ezingamashumi amane (40) ziinqwelo zezigulana (ambulances) ze ezilishumi ibezezokuthutha izigulana, ukusuka kwiziko lezempilo ukuya kwelinye.

UMabuyane ubongoze uluntu ukuba luzikhwebule kwiindibano ezinabantu abaninzi.

“Musa ukuya kwiindibano ezinganyanzelisekanga. Siya kwimpelaveki yePasika, eza nomngcipheko (wolosuleleko). Ewe siyayazi ukuba amanani wolosuleleko aphantsi, kodwa lo nto ayithi masiyeke ukuvundla.

“Yenza sixhalabe into yokudibana kwabantu kwiindibano zolonwabo. Masingazifakini emngciphekweni,” utshilo uMabuyane.

Kumbandela weenqwelo zezigulana, uMabuyane uthi eli phondo lifuna malunga neenqwelo zezigulana (ambulances) ezingamakhulu amathandathu anamashumi amahlanu (650), ukuze likwazi ukujongana nabantu abayi6.7 million baseMpuma Koloni.

“Ngokomgqaliselo welizwe, kufuneka inqwelo yezigulana (ambulance) enye yokujongana nabantu abayi10 000. Okwangoku sisengaphantsi apho kuba iinqwelo zezigulana esinazo zingamakhulu amane (400). Sikwajongene neenqwelo zezigulana ezimoshakalayo kwanomcelimngeni wokulungiswa kwezo zimoshakeleyo kwanokugcinwa ngendlela kwazo,” utshilo uMabuyane

sithandiwe.velaphi@inl.co.za