Mabuyane: ‘IKhorona ifana nenarhumane’

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi indlela yokuqondwa lula kwentsholongwane yekhorona, kukuba bayifanise nenarhumane.

UMabuyane ebethetha nenkqubo yoMhlobo Wenene FM, uKholo neNgqiqo, ebhexeshwa nguMfundisi Mzukisi Faleni.

UMabuyane usebenzise eli qonga ecela uluntu lwaseMpuma Koloni, ingakumbi ezilalini, ukuba bahlonele imithetho emisiweyo, futhi bayibambe imicimbi de kuvulwe kwakhona ukuhambahamba.

Inarhumane, okanye impundulu ngamanye amagama, kukholeleka ukuba ngumlingo othile osetyenziswa ngabemimoya emdaka ukuhlasela abantu logama belele.

“Ifuna umthandazo le ntsholongwane futhi ndiyakrokra inayo into enempundulu phakathi kuba into etsibela emphefumlweni iminxe umntu uboyiqonda ukuba ikhona ingxaki. Inenarhumane enayo kuba ithi yakufika kuwe ikuvale umphefumlo.

“Mhlawumbi abantu abahleli phaya ezilalini bafuna ukuyixelelwa ngolo hlobo, into yokuba yinarhumane ke le, yakufika kuwe ifika ikuminxe kube nzima,” utshilo uMabuyane.

Esenza lo mzekelo wenarhumane nje uMabuyane kukuba ezinye zeempawu zentsholongwane yekhorona ziquka ukuminxeka komphefumlo.

Ezinye iimpawu ngumkhuhlane, ukhohlokhohlo kwakunye nokuqaqanjelwa ngumqala.

UMabuyane ubongoze uluntu lwephondo ukuba luzikhusele ngokuthi luhlale endlini futhi kungabanjwa micimbi okanye kungenwe iinkonzo.

“Siyafuna abantu baqhubeke nokunqula, qha sithi makungadityanwa ndawoninye kuba lo nto ibangela ukunwenwa kwale ntsholongwane. Umntu makazinqulele kowabo. Nakuthi akumnandanga ukubona abantu bechithelwa imiqombothi neenyama. Sicela abantu bakuthi ukuba bayimise imicimbi yabo de kudlule eli xesha lokuvalwa kokuhambahamba,” utshilo uMabuyane.

Kwintetho yakhe ngethuba kuqala ukuvalwa kokuhambahamba elizweni, uMabuyane wathi: “Asikho kwiholide bantu bakuthi, thobelani imithetho karhulumente encedisa nina ukuba nizikhusele. Hlala kowenu. Aba bangaqhelanga kuhlala emakhaya, siza kubancedisa ngoku.

“Abantu mabancedise urhulumente sivale amazibuko. Sizama ukunqanda amanzi angangeni endlini. Nakuyazi into ebangela ukuba sixhalabe siliphondo kuba xa le meko yale ntsholongwane ingasasazeka apha eMpuma Koloni, kule meko yethu e-ethe-ethe ngenxa yentlupheko nendlala nemeko nentsokolo yabantu bakuthi, iya kusibangela ukuba sibe nengxaki enkulu.

“Abantu mabayeke ukuhambahamba, kuba sele sibona ukuba ukunqanda ukuhambahamba yindlela yokulwa nale ntsholongwane. Siyayibethelela into ethi sicela abantwana bangasiwa esuthwini ngeli xesha lokuvalwa kokuhambahamba kwabantu. Lixesha elinzima eli,” watsho uMabuyane.