Mabuyane: ‘Izikolo ezingavalanga zibonakalisa indelelo’

Caption: INkulumbuso uOscar Mabuyane, uMphathiswa uSindiswa Gomba kwakunye nentloko yesebe lezeMpilo uGqr. Thobile Mbengashe UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi izikolo ezisavulileyo zibonakalisa “indelelo”.

Oku kuza emva kokuba izikolo ezithile kwiphondo laseMpuma Koloni kuvakala ukuba zisavulile nangona nje uMongameli Cyril Ramaphosa eyalele ukuba izikolo zonke mazivale ngoLwesithathu ziyovula emva kwePasika.

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga uthe ukukhawulelana nexesha elilahlekileyo, izikolo ziza kuba neholide encitshisiweyo kwinyanga yeSilimela nakweyoMsintsi.

Abafundi bephephandaba I’solezwe lesiXhosa babike kuFacebook weli phephandaba bexela ezinye zezikolo ezisavulileyo. Ezi zikolo ziquka iNongekhe SSS eMbizana, iBomela SSS eDutywa, iFunda High School eWhittlesea, iFlagstaff Comprehensive School, iSmuts Ndamase eLibode, Arthur Ngunga SSS eMount Ayliff, Cofimvaba SSS, Fort Malan High kuGatyana, Sikhulule High eMdantsane, Bomela SSS eDutywa, Umtata International School, Ncembu JSS neDinizulu SSS eUgie.

UMabuyane uthe: “Umyalelo okhutshwe nguMongameli ubujolise kwizikolo zonke, ezikawonkewonke nezabucala. Akunakubakho izikolo ezenza into esecaleni. Siza kuzilandela ezo zikolo, azinakuvula kodwa uMongameli uthe makuvalwe. Lo nto ifana nendelelo yabantu abangakhathaliyo.”

Kusenjalo uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba uthe akukho zindawo zakuqinisekisa iziphumo zovavanyo lwabantu abaneCorona eMpuma Koloni. Iziphumo ziqinisekiswa eRhawutini kuphela, utshilo uGomba. Kodwa uGomba uthi bazama ukumilisela iindawo zokuqinisekisa iziphumo zovavanyo lweCorona eBhayi naseMthatha.

UMabuyane noGomba bebekwisibhedlele iFrere ngoLwesine behlola ukulungela kwesi sibhedlele ukwamkela abantu abaneCorona. Ukuza kuthi ga ngoku akukho mntu osele eqinisekiswe njengoneCorona kweli phondo.

UMongameli Ramaphosa ngoLwesine ubhengeze ukuba abantu abosuleleke yiCorona kweli lizwe bakwikhulu elinesiqingatha (150).