Mabuyane: Kukhula ukunganyamezelani kwiANC

UOscar Mabuyane kwinkomfa yeANC yePhondo eMonti Umfanekiso: I'solezwe

UNobhala ophumayo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane,  uthi kukhula ukunganyamezelani kwiANC okuphehlwa ngemva kukufuna izikhundla nobunewunewu endaweni yokukhonza abantu.

UMabuyane ukuthethe oku nephephandaba I’solezwe kwihotele i-ICC eMonti ngoLwesihlanu apho kubanjelwe khona inkomfa yephondo yalo mbutho ekulindeleke ukuba konyulwe iinkokeli ezintsha.

Unomji uphakathi kukaMabuyane kwakunye neNkulumbuso uPhumulo Masualle, nanjengoko bekhuphisana ngesikhundla sokuba nguSihlalo. Esinye isikhundla esizakutsala umdla seso sikaNobhala apho kukhuphisana uAndile Lungisa, oxhasa uMasualle, kwakunye noLulama Ngcukayithobi.

Abathunywa bale nkomfa abaphuthaphutha iwaka elinamakhulu asixhenxe bayinxalenye nale nkomfa nelindeleke ukuba ibhengeze iziphumo ngentseni yangoMgqibelo.

UMabuyane uthi ukuxhinela izikhundla kwamalungu eANC yinto ekhula ngamandla futhi ewuqhekezayo lo mbutho.

“Le nto iyaphikisana nemiqathango yeANC, kuba kulo mbutho kuyanyanyezelwana. Abantu bacinga ukuba iANC yindawo yokwenza imali nokufumana isikhundla hayi iqonga lokukhonza abantu,” utshilo uMabuyane.

Ngenjikalanga yangoLwesihlanu abathunywa abaxhasa uMabuyane noMasualle bebevuma amagwijo, belindele ukuqala kwenkomfa.