Mabuyane: Mapolisa thandanani, kodwa musani ukubulalana

INkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi bengurhulumente wephondo asoze bathi amapolisa mawayeke ukuthandana ewodwa, kodwa into nje abayinqwenelayo kukuba azikhwebule kumbandela wokubulalana.


UMabuyane ebethetha ngoLwesine kusuku lwesibini lwenkomfa yantsukuntathu yamadoda eququzelelwe ngamapolisa eAbbotsford Christian Centre eMonti. 


Umxholo wale nkomfa uthi “Thetha Ndoda”.


UMabuyane wenze umzekelo wembethimanqindi elibhinqa, uLeighandre “Baby Lee” Jegels, obhubhe kweyeThupha emva kokudutyulwa yindoda yakhe elipolisa.

“Iyasixakisa ke le ndlela yokuziphatha bantakwethu kuni kuba nenza isifungo sokukhusela uluntu hayi ukulubulala. Xa niza kuqala nixhaphaze aba nithandana nabo niza kubakhusela njani abantu eningabazi nokubazi?

“Kwanele bantakwethu kwanele ngokubalala amaqabane enu. Into esingazokwazi ukuyenza kukuthi sanukuthandana noogxa benu. Sakuba sinyathela amalungelo enu ngolo hlobo. Mhlawumbi kuza kufuneka sithi shiyani imipu le emsebenzini kuba nibulala ngayo. Kodwa naleyo ayiso sisombululo. Isisombululo kukutshintsha indlela eninxibelelana ngayo nabantu enithandana nabo,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ukhuthaze amapolisa angamadoda ukuba athethe xa eneengxaki.

“Umxholo wale nkomfa uchane ucwethe kuba uthi: ‘Thetha Ndoda’. Kha nithethe ke namhlanje ukuba iingxaki zenu ezikhokelela ukubulaleni amaqabane wenu yintoni ukuze singurhulumente sisebenze nani silungise le meko.”