Mabuyane: Ndimtsalele umnxeba uMasualle

Iinkokeli zeANC uStella Ndabeni-Abrahams, isithethi seANC ephondweni, uSihlalo omtsha uOscar Mabuyane noPhumulo Masualle obesakuba nguSihlalo.

USihlalo omtsha weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane,  uthi umtsalele umnxeba lowo obefudula enguSihlalo walo mbutho uPhumulo Masualle, okwayiNkulumbuso, ethetha naye kulandela inkomfa ekhe yasisigqubu somlo, ishiya iingxwelerha.

Baphuthaphutha amashumi amabini abathunywa beANC, abaxhasa uMasualle, abathe bonzakala ngethuba bebethana ngezitulo kwihotele i-ICC eMonti. Abonzakeleyo bangeniswe esibhedlele kodwa baphinda bakhululwa.

Ethetha emva kokubhengezwa njengoSihlalo, uMabuyane wenze umbulelo kubathunywa abamvoteleyo,  watsho ebonakalisa ukuzisola ngoqulukubhode owenzeke e-ICC.

UMabuyane ukwaxelele oonondaba ukuba utsalelwe umnxeba nguMasualle ebuza ukuba akonzakalanga kusini na kula mbhodamo.

Nam ndiye ndamtsalela ndibuza ukuba unjani, ndikwabuza ukuba uzakuba khona kusini na enkomfeni ngeCawe. Undixelele ukuba akonzakalanga kodwa ngelishwa akakhange akwazi ukuba yinxalenye nathi,” utshilo uMabuyane.

Kusenjalo,  uSekela Mongameli Cyril Ramaphosa uqhwabele izandla uMabuyane esithi unoxanduva lokumanya imihlambi eyalanayo yeANC.

Ngethuba uRamaphosa ebesenza intetho yakhe kwinkomfa, uMasualle namanye amalungu aphezulu kwiANC aquka uMlibo Qoboshiyane nooThandiswa Marawu bebengekho, bezimase indibano kwiholo yesixeko eMonti. Le ndibano yileyo ichasene nesikhokelo sikaMabuyane.

Ukanti igqwetha uMvuzo Notyesi, omele iqela lamalungu achasene nesikhokelo sikaMabuyane, uxelele I’solezwe ukuba bafuna inkundla iyithathe njengengekho semthethweni le nkomfa.