Mabuyane: ‘Nina nisindileyo ekreleni, hlalani ezindlini’

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Bheki Radebe
INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi ikhubalo lokuzisindisa kwintsholongwane yekhorona kukuhlala endlini, ungaxhaphaki kwiindawo ezinabantu abaninzi. 
UMabuyane ukuthetha oku ngethuba amanani wabosuleleka nababhubha yintsholongwane yekhorona, enyuka ngesantya esixhomisayo kwiphondo leMpuma Koloni.
NgoLwesithathu iphondo belinabantu abayi-42 357 abosulelekileyo logama ababhubhileyo beyi-582. Abaphilileyo bebeyi-24 304.
UMabuyane ubongoze uluntu ukuba luhlale ezindlini futhi lulandele imiqathango yokuzikhusela.
“Asifuni kuthi nina nisindileyo ekreleni hambani ningemi kuba ekhe nenza lo nto, niza kugqiba indawo le yonke,” utshilo uMabuyane ethetha nabeendaba eBhisho kule veki.
“Le ntsholongwane inobungozi. Apho ithe yahlasela khona, ishiya kubonakala, ingakumbi abo banezigulo abanazo ezifana neswekile, umhlaza nezinye.
“Sibongoza abantu bakuthi ukuba bazigcine ezindlini. Abantu mabangayi kwiindawo ezinabantu abaninzi. Imingcwabo mayihlonitshwe, iyekelwe kwiintsapho. Masiyekeni ukungcwaba koko sifihle,” kutsho uMabuyane.