USihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane, okwayiNkulumbuso, uthi uzinzo abasele belwenzile kweli phondo asoze bavume luphahlazwe ziinkokheli ezifuna ukubekwa “okweenkunzi zegusha” kwanezo zifuna ukuzisa “umnxilo” kumasebe alo mbutho.
UMabuyane ebethetha eQumrha kwimpelaveki esiyishiya ngasemva apho iANC ibibambe imibhiyozo yephondo yokugqiba iminyaka elikhulu elinesibhozo yasekwayo.
UMabuyane usebenzise iqonga lakhe ukugxeka into enokutolikwa njengezigqubu ezitsalela ecaleni zamakhaba amanina nawolutsha kulo mbutho.
“Sisebenze kakhulu ukusuka ngo2017 (ngenkomfa yephondo) ukwenza le nzolo siyibonayo namhlanje apha ephondweni. Sisuka kwimeko yokuba abantu bathethe kuthethwa, kukho abantu abakhwele kwizitulo ngoku baxelelwa izinto neendaba ezilungileyo,” utshilo uMabuyane.
“Eli phondo likuzinzo olubhetele, kodwa siyabona ukuba bakhona abazama ukusiphakula. Neenyosi ke xa uza kuziphakula uqale uziqhumisele khon’ ukuze zibe dizi. Bakhona ke abantu endibona ukuba badizi, abafuna ukwenza thina dizi, singekho dizi.
“Izinto esizibonayo ezenziwayo ngeeWomen’s League neeYouth League, umntu ahlale athi xa evuke nephupha achithachithe iziseko (structures). Ayizukwenzeka lo nto kweli phondo. Eli phondo alizubuyiselwa mva ngeenjongo zokuba sifezekise iminqweno namadinga abanye abantu. Eli phondo liphumile ekubeni libe yintambanana, into yokudlala. Eli phondo liza kuthatha indawo yalo kuzwelonke linike isikhokelo kuba eso sikhokelo siza kukhulula abantu beli phondo,” kutsho uMabuyane.
Uthi kweli phondo bayaqhuba nokumanya izintlu zeANC.
“Apha eMpuma Koloni sikwazile ukumanya amagqala omkhosi kwanolutsha kuba iANC Youth League ayizukwenzelwa iinkokheli zeANC ezifuna ukonyulwa, iza kwenzelwa abantu abatsha.”
“Akuzubekwa nkokheli apha okweenkunzi zegusha kuthwe zinkokheli zabantu abatsha. Kudala yabakho iANC, asizukulala sisothuka sibe namafufunyana sibona iziphorho ngenxa yabantu abafuna ukudlala. IMpuma Koloni asiyondawo yokudlalela.
“NeWomen’s League siyayimema, ukuze simanyane. Amalungu eWomen’s League aqale abe ngamalungu eANC. Masebe eANC siyababona, siyababona. Bayabonwa! Bajongeni ke bangalinge bazise umnxilo kumasebe eANC,” utshilo okaMabuyane.
Ebhekisa kuSihlalo kazwelonke uGwede Mantashe obezimase le mibhiyozo, uMabuyane uvakalise ukungaxoli kwakhe sisigqibo sikarhulumente kazwelonke sokurhoxiswa kwemizila kaSouth African Airways eMonti naseBhayi.
“Siyacela phaya kwisikhokelo sikazwelonke, masingabi ngoocof’ ayishiye. Makucace ukuba kukhokelwe kwaye injongo kukukhulula abantu beli lizwe. Asivumelani nalo mcimbi siwubonayo phaya kwiSouth African Airways ingakumbi ngokweli phondo.
“Kuba eli phondo liza kukhula ngokwezokhenketho. Xa unqumamisa iinqwelomoya eziya eMonti naseBhayi ususa eli phondo kunxibelelwano namanye amaphondo ukuze kukhule ukhenketho noqoqosho. Abantu abaphetheyo makuvakale ukuba baphethe, singothuswa zizinto ebekufanele ukuba azisothusi,” utshilo uMabuyane.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!