Mabuyane: ‘Nisivule amehlo booNoteksi’

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi inyathelo lokukhusela amashishini eli phondo ekutyhuthulweni, nelenziwe ngooNoteksi, libavule amehlo bengurhulumente ukuba balinike ingqwalasela eli candelo.

UMabuyane ebethetha eMthatha ngentsasa yangoLwesihlanu apho ebetyelele ngeenjongo zokukhuthaza uluntu ukuba bazikhwebule ekulinganiseni okwenzeke KwaZulu-Natal naseRhawutini apho amashishini athe atyhuthulwa ze onakaliswa ngethuba lezidubedube.

“Masibambisaneni kuba sesenze kwabonakala,” utshilo uMabuyane. “Siyanibulela apha erenkini [kuba nina nisondele ebantwini].”

Oscar Mabuyane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMabuyane ukhumbule isehlo sebholo lokunqolotywa kwakhe kwakunye nezinye iinkokheli zeANC ngo2011, bholo elo lathi lathityazwa ngomnye wabanini beeteksi owayenikwe uxanduva lokukhangela abantu bokunqoloba uMabuyane, uSekela Somlomo weNdlu yoWiso Mthetho, uMlibo Qoboshiyane kwakunye nezinye iinkokheli ezintathu zeANC.

Elo bholo laphanza ze babanjwa abo bantu babeliququzelele.

“Xa kuthethwa ngendawo yaseMthatha ndibaneemvakalelo kakhulu, kuba kulapha eMthatha apho iintswelaboya zathi zagqiba kwelokuba masibulawe (uMabuyane, Mlibo Qoboshiyane…) komnye unyaka, kodwa sanqandelwa apha erenkini ngabatata balapha kwicandelo loshishino lweeteksi.

“Intsebenziswano nani (oonoteksi) siyayihlonipha. Umsebenzi (oonoteksi) eniwenzileyo mkhulu kakhulu. Le nto niyenzileyo imenza urhulumente avule amehlo, abazi abantu bamanyhani,” utshilo uMabuyane.

Ethetha eNgcobo kule veki, uMabuyane uthe: “IMpuma Koloni asiyondawo yophambanela. Ukuba siyayibona ukuba impambano yakho iyaqala, kufuneka sikulungise, sikubeke endleleni.

UMabuyane wenze umbulelo kubantu baseMpuma Koloni ngokukhusela iphondo labo, esithi eli phondo kudala lenza izinto ezinobugorha. “Yiyo le nto eli phondo kusithiwa liphondo leengqwele.”