Mabuyane: ‘Sifikelele kwinkcochoyi yeCovid-19, masinqabe edolophini’

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi ngoku kufikelelwe kwinkcochoyi yentsholongwane yeKhorona, watsho ebongoza uluntu lwephondo ukuba malungaxhaphaki edolophini ukunqanda ukunwenwa kwalo bhubhane.

 

NgoLwesithathu, iMpuma Koloni ibike ulosuleleko lwabantu abayi-1 654 ukuya kwi-29 340. Abantu ababikwe njengababhubhileyo ephondweni ngoLwesithathu bebelishumi elinesixhenxe, into ebeka iphondo kwindawo yesibini elizweni ngabantu ababhubhileyo abayi-439. Abantu abasele bephilile yile ntsholongwane ephondweni bayi-14 384, ngokweenkcukacha zangoLwesithathu.

 

UMabuyane uthi: “Siyabongoza sicela kubantu bakuthi ukuba siyeke ukugcwala ezidolophini kuba xa sigcwele kwezi ndawo, maninzi amathuba okosulelana ngale ntsholongwane. Sikwazile ukuyinqanda le nto ngeemini ze nkamnkam, kwaye nangoku singakwazi.”

 

Ulumkise ngelithi ngoku sikwixesha elibi ngokwale ntsholongwane. “Ngoku sifika kwixesha elinzima apho sisondele kwinkcochoyi yale ntsholongwane. Eli lixesha apho amanani okosuleleka kwabantu aza kwanda khona, apho abanye kungenzeka basishiye kulo mhlaba. Oku singakunqanda ngokunciphisa ukosuleleka yile ntsholongwane,” utshilo uMabuyane.