Mabuyane: Urhulumente ayofama yakho!

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ukhuthaze abasebenzi bakarhulumente ukuba basebenze nzima ukuzisa iinkonzo eluntwini, ebakhumbuza ukuba baqeshelwe ukusebenza phambi kokuhlawulwa imivuzo, ekwathi kufuneka bayazi ukuba urhulumente “asiyofama yabo”.

UMabuyane ebethetha eMonti kwiveki ephelileyo, ngethuba legqugula neziphathimandla zikarhulumente wephondo kuquka neenkokheli zabasebenzi.

UMabuyane uthi bangaphaya kwesiqingatha, okanye i52%, abasebenzi bakarhulumente wephondo abafaka ikhefu lokugula (sick leave) rhoqo ngonyaka. UMabuyane uthi oku kutyabula urhulumente wephondo imali ekumakhulu asixhenxe eerandi (R700 million) ngonyaka, mali leyo ihlawulelwa aba basebenzi behleli ekhaya.

“Asinokufihla iintloko esantini senze ngathi asiboni ukuba inxalenye yabasebenzi balo rhulumente wephondo bangxwelerhekile emiphefumlweni. Yiyo le nto sizibona sinabasebenzi abangapha kwe52 % yonke yabasebenzi bephondo abasoloko befaka amaphepha okugula,” utshilo uMabuyane.

Noxa kunjalo, uMabuyane ukwatyityimbisele umnwe abasebenzi bakarhulumente abarhuqa unyawo esithi oko kubuya kubethe urhulumente ngenxa yezikhalazo zabo bathi izihlobo zabo zinyangwe gwenxa kwizibhedlele zikarhulumente.

“Yiyo nalo nto simokamokana netyala lemedico-legal claims (amabango onyango olugwenxa) elifunxa izigidigidi. Sibhatala amatyala okungakhathali kwabo bahambisa iinkonzo ebantwini. Ayomeko yokusa phambili ilizwe konke konke le,” utshilo uMabuyane.

Lo kaMabuyane uliphindile ekudala elishumayela lokuba abasebenzi bakarhulumente baqashelwe ukusebenza phambi kokufumana imivuzo, hayi ukufumana imivuzo phambi kokusebenza.

“Abanye [abasebenzi kurhulumente wephondo] banesimilo nje esingatshongo khona sokwenza unothanda emsebenzini, ngathi yifama yabo. Norhulumente yena buqu uneziphene ezifana nokungabikho kwendawo ezikumgangatho onguwo zokusebenza,” utshilo okaMabuyane.

Ukwaqhwabele iinkokheli zabasebenzi kumbuso wesihlanu, obukhokelwa nguPhumulo Masualle, esithi akukhange kubekho zehlo zezidubedube eziphakamisa amehlo.

“Siyacela ke nakulo wesithandathu urhulumente kungabikho moya weyantlukwano phakathi kwethu, sisengeleni thungeni linye, sikwazi ukuvuna isivuno esihle ngo2024.”