Johnnie Isaac
Inkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthe abo bangamathandazwe mabakubonakalise oko ngokuthi baxhase iANC ngezimali.
UMabuyane ebethetha kumsitho wokunyusa ingxowamali yalo mbutho obuseMonti. Uthi ingxaki enkulu ngabantu abafuna ukufumana iithenda ngobuqhophololo nabafumbathisa iinkokeli zalo mbutho namagosa karhulumente.
“Sanukusifumbathisa imali sizinkokeli kurhulumente, nokuba loo mntu uyinkulubaphathiswa, nokuba ngabaphathiswa bamaphondo, okanye ungusodolophu, fakani imali kwingxowa yeANC. Ukuba ufumbathisa isiqu kungasa singekho [kurhulumente] eso siqu, sidibane nawe unencilikithi uhambe uthetha yonk’indawo,” utsho uMabuyane.
Ukwathe iMpuma Koloni inengxaki noonothenda abangawugqibiyo umsebenzi babaleke nemali, kwaye kukho abo sele eyalele ukuba bavalwe kwiinkqubo zezinikimaxabiso ezibavulela ekwenzeni umsebenzi karhulumente. UMabuyane uthi abo benza lo nto bagqwalisa igama leANC, kudume into yokuba lo mbutho unobuqhophololo.
Uthi lo mbutho ulawulayo kuzwelonke uzimisele ukulwa nobuqhophololo, kwaye yonke imithetho namaziko alwa loo mikhuba imiliselwe ngurhulumente okhokelwe yiANC.
“Ngurhulumente weANC opasise umthetho othi xa uxhasa ngemali engaphezu kweR100 000 kufanele ukuba ibhengezwe yaziwe, khon’ukuze kucace ukuba akukho nto inobuqhophololo kulo nto,” uthethe watsho uMabuyane.
Ukanti kulo msitho bekuxabisa isigidi seerandi ukuhlala ecaleni kukaMabuyane. Unongxowa weANC kweli phondo uZolile Williams uthi zonke iitafile kuquka naleyo ibihleli uMabuyane zithengiwe kwaye imali eqokelelwe kulo msitho iza kuncedisa lo mbutho ekuqhubeni iinkqubo zawo kweli phondo, eziquka ukuhlawulwa kwemivuzo yabo basebenza kwiofisi yeANC ngokupheleleyo. Usosiba walo mbutho uLulama Ngcukayitobi ngomnye wabo basebenza ngokusisigxina kule ofisi.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’