Madoda, ndilifumene igqwirha elisibulalayo!

Akusekho maxhego, oodadobawo bakhulisa thina sixhuma ukuze sikhokele amakhaya sinqule emthonyameni, samkele oonozakuzaku boodadethu, siphendule izinto ezinkulu kunathi. Kanti batshone ngaphi oobawo? Sibabonile sabembela bequkuqela ngathi bayakhuphisana ukuqabela ese apha.

Izizathu zininzi kodwa kukho isifo ekungathethwayo ngaso. Kuthiwa nje usuke lo mfo womiwa ngumchamo emana ukukhala ngesinqe. Ekliniki bammele ngokumngxala ngeza pilisana zincikane kuthiwa zezokuvula umchamo uphume. Suke wasishiya.

Inyanga yeNkanga amagqobhoka ayibiza “Movember” ngenxa yephulo lokwazisa nokuvundlisa amadoda ngomhlaza wedlala lamadoda elizimele apha phantsi kwesinyi.

Igama lalo yiProstate, masilibize “Mafutha” kuba lihlelele ukunyela ngamafutha amajoni adlulayo aya kuhlasela iqanda elilinde kwaNozamile ukuze siphekuze sixakeke, sithume, soluse, sitshatise ngenye imini.

U ‘Mo’ lo uguqule uNovember wenziwa kukuba asizichebi iimasitaji ngale nyanga ukuzibandakanya neli phulo. Ngandlela ithile ke * ‘Mo’ lo umele imostaji leyo.

UMafutha lo uhlupha ngokuba uhleli esiphambukeni seentambo okanye imibhojana ethutha igutyule iincindi ezininzi ezibaleka apha esinqeni.

Umbhojana ovela ezintsweni oya esinyini. Umbhojana osuka kumawele ajingayo ukuya emqhushekweni. Umbhojana osuka esinyini usiya kuchitha umchamo ebuhlanti.

Uthe zinzi phezu kwale mibhojana uMafutha, kungabikho ngxaki ke xa engekadumbi.

Zimbini ke izinto ezimdumbisayo uMafutha, Prostatitis, usuleleko longcoliseko-gazi (infection), okanye umhlaza kaMafutha, Prostate Cancer. Xa udlule kumashumi amahlanu eminyaka uphila, uyindoda, uza kudumba uMafutha kungakhange kubekho nto edunjiswa nje kukuhamba kwexesha. Yiyo le nto utsiba utsaze unyuk’apha umchamo wenkwenkwe, owexhego usokolisa, uthi apho uvele khona uwele kwalapha ezinzwaneni zalo.

Uhambo lwam noMafutha:

Lisiko lam ukuba qho ngonyaka ndiya kwagqirha kungekho sizathu, ndenze iimvavanyo zonke zokusebenza kothungelwano lwezinto apha emzimbeni kuquka nezifo zosulelwano ngokuphana nesi ke singumkhulu

wa wazo zonke. Kutsalwa igazi, uchanyiswe, uphefumliswe, ubalekiswe ndibala ntoni, ezinye unikwa ilaphu lokuba usule ngalo amaphambili, lithathwe liye kupecululwa libuye selithetha zonke iindaba ezi.

Kunyaka ka2009 ndandiminyaka iyi38, ndatshona uvavanyo lwegazi olubizwa PSA, lokukroba impilo kaMafutha lo ke. Kufuneka iziphumo ezindanda pha koo4 ukuze ube kanti unguphopho. Hayi mna ndaya kulala koo10.38 bajika baba bomvu oogqirha.

Ugqirha wam wosapho (GP) uBhota wandithumela koyingcali-mzimba ( Specialist Physician) uKabali-Kagwa, ndatshona nalapho ndathunyelwa kwincakuba, ingcungela, iqili elinobunkunkqele bobungcali bokubona izifo zegazi (Urologist) uDr Van Niekerk, yena wandichamisa akaxola, wandifaka eGesini (Scan), akaxola, wenza uvavanyo lwesandla ( ufaka umnwe apha ngasemva agqogqe ngawo, ebhekisele ngapha ngakumaphambili, wena ulele ngecala umfulathele amadolo asesifubeni ngolo hlobo umnike zonke izihlalo zakho.

Umnwe oqeqeshiweyo ke uza kutsho ukuba kudumbile phaya, akhona na la maqhunyana achaza umhlaza? Wabuya engenangqiniseko wandinika iipilisi emandizitye iiveki ezimbini zehlise ukudumba.

Ngelo xesha andinangxaki yakuchama, andiva nantlungu ngaphandle kwaxa endingena ngala mnwe wakhe.

Sathatha elinye igazi zakuphela ezi ntsuku ndatshona kwakhona. Akwabikho cebo limbi ke ngaphandle kokuba siye kuqhaqho olubizwa Prostate Biopsy.

Ubani ke kufuneka ebulewe, angenwe apha ngasemva, kusikwe kancinane ithumbu logutyulo ukuze kufakwe isixhobo esixhuzula amasuntswana kaMafutha aza kuthathwa asiwe kwiziko lovavanyo ibuye ingxelo.

Ndalala esibhedlele iintsuku ezisixhenxe, ndaphuma ndingekakulungeli ukuhamba, ndangqengqa kwam ezinye iintsuku ezisixhenxe, ndabuyela kugqirha, zathi iziphumo awukho umhlaza, ingxaki lusuleleko longcoliseko-gazi.

Ndaqaliswa ke kwiipilisi ezaziza kulwa nolu suleleko kodwa kwacaca ukuba zibukhali kakhulu kwaye azihambi zodwa zinokhwapheni (side effect) ondigqibela isibindi. Kwakho umhlobo ondazisa ngexhwele-ndalo (homeopath) lomJamani elamncedayo esuka kuqhaqho naye lwezakhe. Ndancedakala apho de yehla yakumaqondo amkelekileyo iPSA yam.

Kulo nyaka ndiphinde ndayihamba yonke le ndlela, nditshone iPSA eQonce kuDr Ndiphiwe Bakumeni, ndabaleka ndaya kuBhota eKapa ndatshona, wandithumela kwiUrologist Dr Wessels, ndatshona, wandifaka eGesini (ultrasound) ndatshona, wathembisa ngokundiqhaqha asavana, ndamxelela iintlungu zam zamhla mnene, wandithembisa ukuba yena angayenza ngosuku olunye ndigoduke ndingachanyiswanga ngophayiphu.

Isigqibo sentlanganiso yethu yaba kukuthi asivani ngalo mcimbi, masalathe ukwenziwa kolunye uvavanyo ekuthiwa yiMRI, kwakuthetha iziphumo zayo, ukuba ithi mandiqhaqhwe andizi kuphikisa, ukuba ndiyipasile akaphindi andikhuphele bhoso xa ethetha nam. Ayivelanga ke le MRI ibiza ngaphesheya kwedazini yamawaka. Nalapha emzimbeni iyinkxamleko emandla neyothusayo.

Zabuya iziphumo zisithi kukho maqhunyana avelayo mane amngqongile uMafutha, kodwa le foto ayitsho ukuba anawo na umhlaza, luqhaqho olwakusixelela ukuba kunjalo.

Ithi lo nto liyawa ela bhoso belixhonyiwe. Ndanikwa umhla, ndanikwa manani athile emandiwadlulisele kwingxowa-nyango ukuze inqwale, yanqwala 3 eyeDwarha 2018, 07:00, ndabe ndingena eKuilsriver Netcare, ndabhaliswa ndaboniswa igumbi lam lokulinda.

Akulalwa ke apha kuthathwa michamo, kuvavanywa phresha, swekile yonke into, bakucime nokukucima ukuze isisu sakho singabi nanto.

Ngo11 safika isithunywa sokuhlinza sandiqhubela ezimeleni ekutsixizeni kwamabhoso, apho ndihlangene noDr Muller oye wandicacisela ukuba ungenaphi yena, ndathi ndakuva ndamazisa ukuba waya esikolweni wafunda yonke le minyaka ukubulala abantu isiqaqa. Ngugqirha wokufa lo.

Ikhankatha lakhe ke linditsalele phakathi, yena wandifaka idrip, lona landivala umlomo neempumlo ngesicheme elithe yioxygen, lathi mandiphefumle nditsale ngamandla, pam izibane ndavuka sendinamanesi endiphefumlisa ngemitshini endibuza yonke into le ndabe ndingazi negama eli lam.

Sakhangelwa sancanywa isithunywa sokundibuyisela aduntsuza ngokwawo amanesi ukundisa egumbini lam, ndafika iZimbabwe ixhela iProteas etivini.

Ndikhululwe kwakuhlwa nomthetho wokuba ndingaqhubi moto. KweyeDwarha ndibuyele kuWessels, iziphumo zithi andinamhlaza uMafutha ukhulile akadumbanga, ubefanelwe kukuba abe kumlinganiselo ka20, hayi mna ndikha koo46.

Ndisindile kwakhona, ngoku besendiqinisekile ukuba ukhona noogqirha bam besitsho, kodwa kukho ulwandle lwamaKrestu, ilizwe lonke ebehleli ngamadolo ecela elila kuThixo ngam. Nangoku, wavela uSimakade.

Bekutheni ze kukhethwe mna ukuba ndihambe le ndlela? Bekutheni ze ndibuye nasezimeleni, apho kungayi lubuyayo?

Ukuba ndize kunixelela. Ndibuyele ukuza kusungula iphulo, eliza kuncediswa ngoonondaba, lisebe lezempilo, ziinkosi namaphakathi ukuze amadoda asezilalini aziswe ngoMafutha, kwaziswe neenesi ezi zikhuphana neepilisi zomchamo.

* UThemba Ngada yingcali yezoNxibelelwano, nguMpapashi zincwadi, nguMhlalutyi wezamaSiko neNkcubeko ukwanguMfundisi wezakwaLizwi. NguMmi waseBhisho okhulele eXesi, ubhala eseKapa.