Makagxothwe uMakupula? Nyani?

Masikhe simeni nje kancinci. Ewe, mhlawumbi umphathiswa lo wezemfundo eMpuma Koloni – uMakupula – akafanelekanga kulo msebenzi, mhlawumbi naye akazazi nyani ukuba waqeshwa njani kodwa ndiqinisekile abo bamkhethayo babeyazi ukuba benza ntoni.

Le yokuthi qho xa kungasebenzi into singxamele ukuba makugxothwe lowo ungumphathi wayo ayisoze isise ndawo kwaye ayisokuze isiphe ithuba lokuba sibe neenkokeli ezinamava kwezi zinto ngoba kaloku singabo bagxotha zisuka.

Makhe size kulo mba wezemfundo, nabani na othi makuqale kugxothwe uMakupula ukuze kulunge ezemfundo kwiphondo laseMpuma Koloni uzibonakalisa ukungazazi ncam iingxaki ezingqonge ezemfundo.

Nokuba angagxothwa kufakwe omnye umphathiswa lo nto ayisayi kutshintsha ingxaki yeziphumo zebakala leshumi elinesibini kweli.

Umbuzo wokuqala ngowokuba ababantwana batshonayo bafike njani kweli bakala leshumi elinesibini? Ingaba bayonyuselwa? Phofu kufuneka siyiqonde neyokuba imfundo ilungiswa kumabanga aphantsi, pha kwimfundo esisiseko kuqala.

Kufuneka siyiqonde ukuba nomgangatho wootitshala abafundisa abantwana bethu ubalulekile.

Kufuneka siyiqonde ukuba isikolo luxanduva lwabazali nabahlali ngokubanzi. Ukuze isikolo sisebenze kufuneka abazali bathathe inxaxheba kwindlela esisebenza ngayo isikolo.

Oyena mntu kufuneka egxekwe kanobom kumba weziphumo zebakala leshumi elinesibini sithi. Isikolo asiyondawo apho kugcinwa khona abantwana emini, yindawo apho kulungiselelwa ikamva lethu sisonke.

Ukuba sisoloko sisithi olu xanduva ngumsebenzi karhulumente sakuzibona sisengxakini enkulu. Ukuba sijonga kwamanye amaphondo afana neNtshona Koloni neeFreystata kufuneka siqaphele ukuba uninzi lwezikolo eziqhuba kakuhle zinabahlohli abafunde kakhulu nabazinikeleyo kwimfundo yabantwana, abazali bathunyelwa imiyalezo ngezinto eziqhubeka esikolweni phantse yonke iveki.

Kwaye, abazali nabahlali bathatha inxaxheba nakwiinkqubo zokubetha imali zesikolo… Ininzi le nto kodwa kufuneka siqale ngokuqaphela ukuba iingxaki zabantwana bethu kwizikolo zethu zilungiswa ngokuba sithathe inxaxheba ezikolweni singabazali nabahlali.