IGQWETHA kwanetshantliziyo lezopolitiko, uAdvocate Dumisa Ntsebeza, uthi elinye lamapolisa abulala itshantliziyo lomzabalazo, uBathandwa Ndondo, kufuneka likhangelwe ukuze litshutshiswe.
UNtsebeza, osisizalwane sikaNdondo, ebethetha eCala ngoLwesihlanu weveki ephelileyo ngethuba kungcwatywa kwakhona lo kaNdondo.
UNtsebeza ubalule igama likaGciniso Lamont Dandala, owayeyiSajini, kumapolisa aseMthatha esithi kufuneka atshutshiswe lo kaDandala.
UNdondo wadutyulwa wabulawa ngamapolisa ocalucalulo kweyoMsintsi 1985. Oku kuza emva kokuba lo kaNdondo wayenqunyanyiswe eUnitra ngo1982 ngenxa yenxaxheba yakhe kwezopolitiko. UNdondo uqale ukufunda eUnitra ngo1981.
Ngo1984 ukhe wabanjwa kwakunye nabanye oogxa bakhe kwezopolitiko.
UNtsebeza, owayekwiKomishini yeNyaniso noXolelwaniso (Truth and Reconciliation Commission [TRC]), uthi uDandala akazange aye ngaphambili kwiTRC.
“Abanye babantu ababulala uBathandwa balunikwa uxolelo. Umntu ongazange walunikwa uxolelo nguDandala. UDandala makafunwe apho akhoyo, ukuze atshutshiswe. Ndiza kunincedisa ukuba uza kubekwa njani ityala,” utshilo uNtsebeza.
Kusenjalo, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane, okwanguSihlalo weANC eMpuma Koloni, uthi igalelo letshantliziyo lomzabalazo uBathandwa Ndondo asokuze balilibale besisikhokelo sephondo.
UMabuyane uthi igalelo likaNdondo lakuhlala lihleli. “Siza kuthabathisa apho wayeka khona. Ubugorha nokuzinikela kwakhe siza kubuthabatha njengesibonelo.”
“Egameni lakhe, masakhe uMzantsi Afrika omtsha esinokuzingca ngawo, sikwenza oko ngokukhumbula ukuzinikela kukaBura (njengoko wayesaziwa uNdondo). Abacinezeli kwanabangcatshi mabayazi ukuba iinkumbulo kwanegama likaNdondo lakuhlala lihleli,” utshilo uMabuyane.
“Egameni leANC kwakunye nonxantathu, ndinqwenela ukubulela usapho lukaBathandwa Ndondo ngokuqinisekisa ukuba igalelo lakhe alilibaleki.”
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo