‘Makavalelwe umfundi okhulelweyo’

Makavalelwe ejele umfundi ofunyenwe ekhulelwe, oko kunganceda ukuthoba izinga labafundi abakhulelwayo ngokokutsho kukaXolelwa Lidziya ongumfundi wesikolo samabanga aphezulu iSophathisana eMonti.

ULidziya ebethetha kwiingxoxo nenkulumbuso uPhumulo Masualle eMonti izolo.

Le ngxoxo ibibanjelwe e-East London Golf Course kwaye ibiququzelelwe liBhunga lesifo sikagawulayo eMpuma Koloni (Eastern Cape Aids Council).

Kule ngxoxo bekukwakho nomphathiswa wezempilo ephondweni uGqirha Pumza Dyantyi ekunye nosodolophu waseBuffalo City uAlfred Mtsi.

Isikolo iSophathisana sesinye sezikolo esikhe sanenani labantwana abakhulelwayo kakhulu ngonyaka ka2015.

ULidziya uthe: “Ukuzibandakanya kwezesondo sisebencinane akwamkelekanga kwaphela, zazi ukuba ufuna ntoni ebomini. Bukela into entle eyenziwa yitshomi hayi embi. Mayingabiloxanduva lomzali kuphela ukukunqwanqwada ngesiqu sakho. Isisombululo kukuba bohlwaywe ngokubanjwa abafundi abakhulelwe phambi kwexesha.”

ULindiswa Sikoti waseSewushe S.S.S eMt Fletcher uthi eminye yemicelimngeni abanayo ngooMongikazi abaye babahleke xa beyokucwangcisa ngelithi sele bezibandakanya nezesondo beselula.

UMasualle uthi uyonwabele kakhulu le ngxoxo naba bafundi. “Ndiyathembisa ukuba oku kwakuphinda kuqhubeke, iindibano ezinje ziyafuneka. Nam ndingumzali ndiyabakhuthaza abazali ekubeni babenazo iincoko nabantwana babo babanike inkxaso, bangafumani ngaphandle ulwazi,” kutsho uMasualle.

abongile.ginya@inl.co.za