Makhanda: Sibuyisiwe isidima somntu ontsundu

Xa ubhala * “King William’s Town” kuGoogle (kuba uQonce akafumaneki kuGoogle), ufuna ukuloyamanisa nelo lithi Hamburg [yaseNgqushwa], ufumanisa ukuba isalathisi sikukhomba eJamani eYurophu, apho eli gama laseHamburg yaseNgqushwa lisuka khona.

Le ke yingxaki iMpuma Koloni ejongene nayo. Amagama aseJamani afana neBerlin ayafumaneka kweli phondo. Kukho nanxulumene neBhritane; afumaneka mbombo zone zephondo. East London, Port Elizabeth, Alice, Port Alfred, namanye.

Umbuzo ngowokuba kutheni eli phondo, okanye urhulumente kazwelonke, kumthathe iminyaka eliqela ukulungisa imbali engeyiyo ngephondo lethu.

Iphondo laseLimpopo, elalifudula lisaziwa njengeNorthern Province, likwazile ukutshintsha amagama afana nePietersburg yayiPolokwane, iEllisras yayiLephalale, iMessina yayiMusina.

Nakwiphondo laseMpumalanga kunjalo.

Ngonyaka ka2018 eMpuma Koloni, kusekho amagama abizwa ngopelo olungelulo nangekalungiswa afana neKomga, Nahoon, Gonubie. IGcuwa isaziwa ngokusesikweni njengeButterworth, iQonce isaziwa ngokusesikweni njengeKing William’s Town.

Ewe ukhona umqela owenziwe liphondo ukutshintshwa amagama afana neIdutywa isisiwa kuDutywa, Kentane isisiwa kuCentane, Umtata esiwa kuMthatha, Mount Ayliff isiwa eMaxesibeni, Mount Frere isiwa KwaBhaca, Queenstown isiwa kuKomani – kodwa lo ngumsebenzi ebekufanele ukuba kudala wenziwe.

Kutshanje kuvakele iindaba zokuba igama elithi Grahamstown liyatshintshwa lisisiwa kwigorha lesi sixeko siNgcwele uMakhanda kaNxele. UNxele ligorha elakhokela umkhosi esilwa namaNgesi kwimfazwe ka1819, nto leyo eyabangela ukuba boyiswe ngoombayimbayi bamaBhulu ze wanikezela uNxele, bamthatha bamsa eRobben Island, nekukholeleka ukuba wabhubha ngo1820 emva kokurhaxwa kulandela ukuqhawula eluvalelweni.

Ukutshintshwa kweGrahamstown, ebi bizwa ngoColonel John Graham owabulala inqwaba yabantu baseMakhanda, linyathelo elifanele ukuba siliqhwabele izandla. Linyathelo elibuyisela isidima somntu omnyama, likwabhala ngendlela imbali yesi sixeko siNgcwele.

Amakoloniyali ayibhala eyawo imbali ngokuthiya ngabo, esenzela ukukhusela nokukokosa imbali yawo. Nathi ke sizwe esimnyama masenze njalo.